Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO

Indlela Yokubonisa Uthando

Indlela Yokubonisa Uthando

 Njengokuba iminyaka ihamba, abanye abantu abatshatileyo baya beyeka kancinci kancinci ukubonisana uthando. Ukuba le nto iyenzeka emtshatweni wakho, ngaba umele ube nexhala?

 Into omele uyazi

 Ukuze umtshato uqine, kubaluleke kakhulu ukuba nibonisane uthando. Njengokuba udinga ukutya nokusela amanzi qho ukuze umzimba wakho womelele uze ube sempilweni, ukusoloko nibonisana uthando qho kuyawunceda ibe kuyawuqinisa umtshato. Nokuba sebeneminyaka emininzi betshatile, abayeni nabafazi badinga ukusoloko beqinisekiswa ngabantu abatshate nabo ukuba bathandwa kakhulu ibe bahoyiwe.

 Umntu omthanda nyhani omnye akazicingeli yedwa. Ufuna omnye umntu onwabe. Akabonisi uthando xa kufuna yena. Kodwa umntu omcingelayo umntu otshate naye uye azame ukuqonda ukuba umyeni okanye umfazi wakhe udinga ukuboniswa njani uthando, aze azimisele ukuzenza ezo zinto.

 Ngokuqhelekileyo, abafazi baye badinge ukuchazelwa indlela abathandwa ngayo kakhulu kunabayeni. Umyeni usenokuba umthanda kakhulu umfazi wakhe. Kodwa ukuba olo thando ulubonisa xa kuqala okanye kuphela usuku okanye ngaphambi kokuba babelane ngesondo, umfazi usenokungaqiniseki ukuba uthandwa nyhani. Kubhetele ukuba babonisane uthando imini yonke.

 Into onokuyenza

 Bonisa indlela omthanda ngayo ngezinto ozithethayo. Amazwi afana nathi “ndiyakuthanda” okanye “akekho ofana nawe” anokumenza azive exatyiswa umntu otshate naye.

 Umgaqo weBhayibhile: “Umlomo uthetha izinto ezigcwele entliziyweni.”—Mateyu 12:34.

 Icebiso: Ungapheleli nje ekuwathetheni amazwi abonisa uthando. Ungambhalela kwikhadi, i-email, okanye umthumelele umyalezo.

 Bonisa indlela omthanda ngayo ngezinto ozenzayo. Ukumhaga, umphuze okanye umbambe nje izandla kungabonisa ukuba ubunyanisile xa usithi uyamthanda. Ungabonisa ukuba umkhathalele ngokumbamba, ukumjonga ngothando nokumane umpha izipho. Ungamncedisa nokumncedisa umfazi wakho, mhlawumbi ngokumphathela ibhegi, ukumvulela ucango, ukuhlamba izitya, impahla nokupheka. Kubantu abaninzi ukwenza ezi zinto ayibi ngathi bayancediswa nje kuphela kodwa kukubonisa uthando ngezenzo.

 Umgaqo weBhayibhile: “Masingathandi nje ngomlomo, kodwa masithande ngezenzo.”—1 Yohane 3:18.

 Icebiso: Mphathe ngobubele umntu otshate naye ngale ndlela ubusenza ngayo ngoku benithandana.

 Yibani nexesha eniza kulichitha kunye. Ukuchitha ixesha ninobabini kuphela kuyawuqinisa umtshato ibe kwenza umntu otshate naye abone ukuba uyakuvuyela ukuba kunye naye. Ewe kona, kunokuba nzima ukuba nizibekele ixesha eniza kulichitha kunye ukuba ninabantwana okanye zininzi izinto ekufuneka nizilungise qho ngosuku. Mhlawumbi ningenza into elula efana nokuba nimane nihambahamba qho nobabini.

 Umgaqo weBhayibhile: “Niqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo.”—Filipi 1:10.

 Icebiso: Abanye abantu abatshatileyo abaxakeke kakhulu baye babeke ixesha lokuba bamane bezikhupha qho phakathi evekini okanye ngeempelaveki.

 Mazi umntu otshate naye. Mntu ngamnye unendlela yakhe afuna ukuboniswa ngayo uthando. Nikunye, ngamnye wenu makachaze ukuba angathanda ukuboniswa njani uthando nize nithethe nangezinto eninokuziphucula. Emva koko sebenza nzima ukuze wanelise umntu otshate naye. Khumbula ukuba ukuze umtshato uqine, kubaluleke kakhulu ukuba nibonisane uthando.

 Umgaqo weBhayibhile: “Uthando . . . aluzicingeli lona lodwa.”—1 Korinte 13:4, 5.

 Icebiso: Kunokuba ufune ukuboniswa uthando, khawuzibuze, ‘Ndingenza ntoni ukuze umntu enditshate naye andibonise uthando?’