Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IJW LIBRARY

Dawunlowuda Uze Usebenzise Uncwadi—KwiAndroid

Dawunlowuda Uze Usebenzise Uncwadi—KwiAndroid

Zininzi iincwadi, iincwadana, amaphecana onokuwafunda neevidiyo onokuzidawunlowuda uzibukele kuJW Library.

Landela le miyalelo ukuze udawunlowude uze usebenzise uncwadi:

 Dawunlowuda Uncwadi

Ungadawunlowuda uncwadi ofuna ukulufunda kangangoko ufuna.

  • Vula kuludwe loncwadi, uze ucofe kwindawo ethi Publications ukuze ikubonise uncwadi olufunayo.

  • Cofa kwindawo ebonisa uludwe lweelwimi uncwadi olufumaneka ngazo. Khetha ulwimi olufunayo. Iilwimi ozisebenzisa kakhulu zidla ngokuvela kuqala kuludwe. Unokukhangela ulwimi olufunayo ngokulubhala.

Kukho iindlela ezahlukahlukeneyo zokukhangela uncwadi kuJW Library.

Indawo ethi By Type ibonisa uncwadi oludwelisiweyo ngolwimi olukhethileyo, Iincwadi, Amaphecana, okanye Iividiyo. Xa ucofa phantsi kwale ndawo ufumana uncwadi onokukhetha kulo, ngokomzekelo iiWatchtower zidweliswe ngokweminyaka ukanti phantsi kwendawo ethi Videos kukho ezahlukahlukeneyo. Xa ufuna ukubuyela ekuqaleni koludwe, cofa indawo ethi All Types.

Indawo ethi What’s New ibonisa uncwadi olutsha lolwimi olukhethileyo.

Uncwadi olungekadawunlowudwa luba nolu phawu. Cofa uncwadi ofuna ukuludawunlowuda. Emva kokuba uncwadi lungenile kwisixhobo sakho, uphawu lwelifu luyemka. Ukuba uza kufunda, ungaphinda ucofe.

Indawo ethi Downloaded ibonisa lonke uncwadi oye waludawunlowuda nangaluphi na ulwimi. Ungalungelelanisa uncwadi lwakho ngolu hlobo: Frequently Used, Rarely Used, okanye Largest Size.

Susa Uncwadi

 Ungalususa uncwadi ongasaludingiyo okanye xa ufuna kubekho indawo yokufaka olunye.

Vula uludwe loncwadi uze ucofe u-Publications, uze ucofe uncwadi (ngokomzekelo, Books) ukuze ubone uludwe loncwadi. Xa ulususa, cofa amachokoza amathathu; emva koko ucofe kwindawo ethi Delete.

Xa ufuna kubekho indawo yokufaka olunye uncwadi, ungasusa uncwadi ongafane ulusebenzise okanye olugqiba indawo. Vula uludwe loncwadi uze ucofe u-Publications. Kwindawo ethi Downloaded zilungelelanise ngolu hlobo Rarely Used okanye Largest Size. Lususe uncwadi ongalusebenzisiyo.

Hlaziya Uncwadi

 Maxa wambi uncwadi osele uludawunlowudile kuza kufuneka uluhlaziyile.

Uncwadi oluhlaziyiweyo luza kubonakala ngolu phawu. Xa ucofa nayiphi na incwadi, kubakho umyalezo ongoncwadi oludinga ukuhlaziywa. Cofa kuDownload ukuze ihlaziyeke, okanye kuLater uze uqhubeke ufunda le sele unayo kakade.

Ukuze ubone enoba uncwadi oludawunlowudileyo luhlaziyekile kusini na, vula uludwe loncwadi uze ucofe kuPublications. Ukuba zikhona ekufuneka zihlaziyiwe, cofa kuPending Updates. Emva kokuba ucofile, uza kubona ezifuna ukuhlaziywa. Cofa olufuna ukuhlaziywa, okanye ucofe ku-Update All ukuze uhlaziye zonke ezifuna ukuhlaziywa.

Ezi zinto zakhululwa ngoFebruwari 2015 neJW Library 1.4, ehambelanayo neAndroid 2.3 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi Sebenzisa IJW Library—KwiAndroid, ngaphantsi kwendawo ethi Fumana Izinto Ezintsha.