IWEBHSAYITHI ETHI JW.ORG/XH
Thumela Ilinki Eza Kusa Umntu Kwinqaku, Ividiyo Okanye Uncwadi
Ukuze uthumelele umntu ilinki eza kumsa kwinqaku, ividiyo okanye uncwadi kujw.org/xh yiya kwindawo ethi Yithumele.
Ukuze uthumelele umntu ilinki eza kumsa kulo naliphi na inqaku okanye ividiyo, cofa indawo ethi Yithumele ezantsi kwenqaku okanye ividiyo.
Ukuze uthumelele umntu ilinki eza kumsa kuncwadi, cofa uphawu lokuyithumela oluvela kunye neendlela onokuludawulowuda ngazo uncwadi.
Emva kokuba ucofe indawo ethi Yithumele kuvela izinto ezimbini:
Ilinki yale nto uyithumelayo. Yikope le linki uze uyikhuphele kwie-mail okanye kumyalezo.
Ilinki ethi Yithumele nge-email. Cofa le linki ukuze uvule iakhawunti ye-e-mail. Kwindawo echaza ukuba ie-mail ithetha ngantoni kuza kube kukho umxholo wenqaku okanye uncwadi. Kwindawo yomyalezo kuza kube kukho ilinki yenqaku okanye uncwadi ofuna ukuluthumela. (Phawula: Kusenokufuneka ukhethe ie-mail ofuna ukuyisebenzisa.)