Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Ukudutyulwa Kwabantu Esikolweni—Ithini IBhayibhile?

Ukudutyulwa Kwabantu Esikolweni—Ithini IBhayibhile?

 NgoMeyi 24, 2022, kwenzeke into ebuhlungu kakhulu kwidolophu encinci ekuthiwa yiUvalde, eseTexas, eMerika. Imagazini ekuthiwa yiThe New York Times, ithe “kukho umntu odubule abantwana abayi-19 notitshala ababini basweleka . . . kwisikolo ekuthiwa yiRobb Elementary School.”

 Okubuhlungu kukuba, izinto ezibuhlungu ngoluhlobo zenzeka qho ngoku. Enye imagazini ekuthiwa yiUSA Today ithe eUnited States, “kunyaka ophelileyo, kudutyulwe abantu abayi-249 ezikolweni. Ukudutyulwa kwabantu abangaka esikolweni kwagqibela ukwenzeka ngo-1970.”

 Kutheni zisenzeka ezi zinto zibuhlungu kangaka? Singazinyamezela njani? Likhona ithemba lokuba ubundlobongela buya kuze buphele? IBhayibhile iyasiphendula.

Kutheni kusiya kusiba kubi kakhulu emhlabeni?

 Abantu abaninzi bayazibuza ukuba, ‘Kutheni uThixo evumela izinto ezibuhlungu ezinjengokudutyulwa kwabantu esikolweni zenzeke?’ Ukuze ubone ukuba iBhayibhile iwuphendula njani lo mbuzo, funda inqaku elithi “Izinto Ezibuhlungu Zehlela Abantu Abalungileyo—Ngoba?”

Singazinyamezela njani izinto ezibuhlungu ngolu hlobo?

  •    ‘Kuba zonke izinto ezabhalwa kwixesha eladlulayo zabhalwa ukuze kufundiswe thina, ukuze ukuthuthuzelwa ziZibhalo kusincede sibe nethemba.’—Roma 15:4.

 Amacebiso eBhayibhile anokukunceda ukwazi ukunyamezela ezi zinto zimbi zenzekayo. Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga UVukani! onomxholo othi “Ngaba Ugonyamelo Luya Kuze Luphele?

 Abazali banokufumana amacebiso endlela abanokubanceda ngayo abantwana babo xa besiva izinto ezoyikisayo ezindabeni ngokufunda inqaku elithi, “Iindaba Eziphazamisayo Nabantwana Bakho.”

Ngaba ubundlobongela buya kuze buphele?

  •    “Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela.”—INdumiso 72:14.

  •    “Ziza kuwakhanda amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizinto zokuthena imithi. Uhlanga aluzukuphakamisela uhlanga ikrele, zingazukuphinda zifunde ukulwa imfazwe.”—Mika 4:3.

 UThixo uza kwenza into abangakwaziyo ukuyenza abantu. Ubukumkani bakhe obungurhulumente osezulwini, buza kuzisusa zonke izinto zokulwa buze buphelise bonke ubundlobongela. Ukuze ufunde nezinye izinto uBukumkani bukaThixo obuza kuzenza, funda inqaku elithi “Xa Kulawula UBukumkani BukaThixo ‘Uxolo Luza Kuba Luninzi.’”