Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Kutheni Iipolitiki Zibohlukanisa Kangaka Abantu?—Ithini IBhayibhile?

Kutheni Iipolitiki Zibohlukanisa Kangaka Abantu?—Ithini IBhayibhile?

 Emhlabeni wonke iintlanga zohlukaniswa ziipolitiki. Uphando olwenziwe ngo-2022 yiPew Research Center lubonisa ukuba “i-65% yabantu abadala kumazwe ayi-19 ekuphandwe kuwo ithi kukho ukungavani kumazwe abo phakathi kwabantu abaxhasa amaqela awahlukeneyo eepolitiki.”

 Uqaphele ukuba kwindawo ohlala kuyo abantu baya besohlukaniswa ziipolitiki? Kutheni kunjalo nje? Ikhona into enokuyilungisa loo nto? Khawuve ukuba ithini iBhayibhile.

Izinto ezenziwa ngabantu ezibohlukanisayo

 IBhayibhile yatsho kwakudala ukuba ngexesha lethu, elibizwa ngokuba ‘yimihla yokugqibela’ abantu abaninzi baza kwenza izinto ezenza kube nzima ukuba bamanyane.

  •   “Ngemihla yokugqibela kuza kufika amaxesha ekunzima ukuwanyamezela. Kuba abantu baza kuthanda iziqu zabo, . . . babe nenkani.”—2 Timoti 3:1-3.

 Nangona abantu abaninzi besebenza nzima ukuze baqiniseke ukuba oorhulumente bayaphumelela, ayenzeki loo nto. Abantu abangaziboni ngendlela efana neyabanye izinto bakufumanisa kunzima, mhlawumbi kungenakwenzeka, ukusebenzisana ukuze kulungiswe iingxaki. Iziphumo zaloo nto zingqina into eyathethwa kudala yiBhayibhile.

  •   “Ngalo lonke ixesha umntu elawulwa ngomnye, uyenzakala.”—INtshumayeli 8:9.

 Kodwa iBhayibhile iyayichaza into enokuyilungisa le nto—urhulumente okhokelwa ngumntu onokuziphelisa iingxaki ezihlupha abantu namhlanje.

Inkokheli ekhathalayo

 IBhayibhile isichazela ngomntu okwaziyo yena ukulungisa ezi ngxaki: uYesu Kristu. UYesu unamandla, igunya futhi uyafuna ukwenza bonke abantu bamanyane baze babe seluxolweni.

  •   “Xa elawula, amalungisa aza kutyatyamba, . . . kuza kuhlala kukho uxolo kuyo yonke indawo.”—INdumiso 72:7.

  •   “Neentlanga ziza kuba zizicaka zakhe.”—INdumiso 72:11.

 UYesu ngoyena mntu unokukhokela kakuhle kuba ubakhathalele abantu futhi ufuna ukubanceda, ingakumbi abo bangaphethwanga kakuhle.

  •   “ Uza kuwasindisa amahlwempu nabo bakhalela uncedo, abangathathi ntweni nabangenamncedi. Uza kubasizela abangathathi ntweni nabangamahlwempu, uza kusindisa ubomi bamahlwempu. Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela.”—INdumiso 72:12-14.

 Funda okungakumbi ngoBukumkani BukaThixo, urhulumente osezulwini okhokelwa nguYesu. Yiva ukuba bunokukunceda njani ibe unokubuxhasa njani.