ISityhilelo Esiya KuYohane 20:1-15

  • USathana ubotshwa iminyaka eyi-1 000 (1-3)

  • Abo baza kulawula iminyaka eyi-1 000 noKristu (4-6)

  • USathana uyakhululwa aze atshatyalaliswe (7-10)

  • Abo bafileyo bagwetywa phambi kwetrone emhlophe (11-15)

20  Ndabona ingelosi isihla iphuma ezulwini inesitshixo somngxuma ongenasiphelo*+ yaye iphethe netsheyina elikhulu.  Yayibamba inamba,+ laa nyoka yakudala,+ ekuthiwa nguMtyholi+ uSathana,+ yayibopha iminyaka eyi-1 000.  Yayiphosa emngxunyeni ongenasiphelo,*+ yawuvala ngci, yawubeka isitampu ukuze inamba ingaphindi ilahlekise iintlanga de kuphele iminyaka eyi-1 000. Emva koko iza kukhululwa okwethutyana.+  Kwakhona ndabona iitrone, yaye abo babehleli kuzo banikwa igunya lokugweba. Ndabona imiphefumlo* yabo babebulewe ngenxa yokungqina ngoYesu nangokuthetha ngoThixo, nabo bangazange balinqule irhamncwa nomfanekiso walo nabangazange baphawulwe ebunzi okanye esandleni.+ Babuyela ebomini baza baba ngookumkani kunye noKristu+ iminyaka eyi-1 000.  (Abanye ababefile+ abazange babuyele ebomini de yaphela iminyaka eyi-1 000.) Luvuko lokuqala olo.+  Bayavuya yaye bangcwele abantu abaza kufumana uvuko lokuqala.+ Ukufa kwesibini+ akunagunya kubo,+ kodwa baza kuba ngababingeleli+ bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eyi-1 000.+  Ngokukhawuleza emva kokuphela kweminyaka eyi-1 000, uSathana uza kukhululwa eluvalelweni,  aze aphume aye kulahlekisa iintlanga emhlabeni wonke, uGogi noMagogi, ukuze aziqokelelele emfazweni. Inani lazo lilingana nesanti yolwandle.  Ezo ntlanga zahamba umhlaba wonke zaza zayirhangqa inkampu yabo bangcwele nesixeko esithandwayo. Kodwa kwehla umlilo ezulwini wazitshabalalisa.+ 10  UMtyholi owayezilahlekisa waphoswa echibini lomlilo nesalfure, apho lalisele liphoswe khona irhamncwa+ nomprofeti wobuxoki,+ yaye baza kungcungcuthekiswa imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade. 11  Ndabona itrone enkulu emhlophe naLowo wayehleli kuyo.+ Umhlaba nezulu zabaleka zemka phambi kwakhe,+ yaye zange ziphinde zifunyanwe ndawo. 12  Ndabona nabantu abafileyo, abakhulu nabancinci, bemi phambi kwetrone, nemisongo yayivuliwe. Kodwa kwavulwa omnye umsongo, umsongo wobomi.+ Abo bantu babefile bagwetywa ngokwezinto ezibhalwe kuloo misongo, ngokwezenzo zabo.+ 13  Ulwandle lwabakhupha kulo abantu ababefile, nako ukufa nengcwaba* kwabakhupha abantu ababefile, waza umntu ngamnye wagwetywa ngokwezenzo zakhe.+ 14  Kwaza ukufa nengcwaba* kwaphoswa echibini lomlilo.+ Eli chibi lomlilo+ lithetha ukufa kwesibini.+ 15  Ngaphezu koko, nabani na owayengabhalwanga encwadini yobomi,+ waphoswa echibini lomlilo.+

Umbhalo osemazantsi

Funda Ingcaciso Yamagama nombhalo osemazantsi we-ISi 6:9.