ISityhilelo Esiya KuYohane 7:1-17

  • Iingelosi ezine zibambe imimoya etshabalalisayo (1-3)

  • Abayi-144 000 babekwa uphawu (4-8)

  • Isihlwele esikhulu sinxibe iimpahla ezimhlophe (9-17)

7  Emva kwezi zinto, ndabona iingelosi ezine zimi kwiikona zone zomhlaba, ziyibambe zayiqinisa imimoya emine yomhlaba, ukuze kungabikho moya uvuthuza emhlabeni okanye elwandle okanye nakuwuphi na umthi.  Ndabona enye ingelosi ivela empumalanga, iphethe isixhobo sikaThixo ophilayo sokubeka uphawu.* Ngelizwi elikhulu, yakhwaza iingelosi ezine ekwakuthiwe maziwonakalise umhlaba nolwandle,  yathi: “Sanukuwonakalisa umhlaba okanye ulwandle okanye imithi, de sibe siwabeke uphawu*+ emabunzini onke amakhoboka kaThixo wethu.”+  Ndaliva inani labo babekwa uphawu,* babeyi-144 000,+ bephuma kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli:+  Kwisizwe sakwaYuda kwabekwa uphawu* kubantu abayi-12 000,kwisizwe sakwaRubhen yaba yi-12 000,kwisizwe sakwaGadi yaba yi-12 000,  kwisizwe sakwa-Ashere ya­ba yi-12 000,kwisizwe sakwaNafetali yaba yi-12 000,kwisizwe sakwaManase+ yaba yi-12 000,  kwisizwe sakwaSimeyon yaba yi-12 000,kwisizwe sakwaLevi yaba yi-12 000,kwisizwe sakwaIsakare yaba yi-12 000,  kwisizwe sakwaZebhulon yaba yi-12 000,kwisizwe sakwaYosefu yaba yi-12 000,kwaza kwisizwe sakwaBhenjamin kwabekwa uphawu* kubantu abayi-12 000.  Emva koko, jonga! ndabona naso isihlwele esikhulu sabantu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi,+ simi phambi kwetrone naphambi kweMvana,*+ sinxibe iimpahla ezimhlophe, yaye siphethe amasebe omthi wesundu.+ 10  Sasiqhubeka sikhwaza sisithi: “Sisindiswe nguThixo wethu, ohleli etroneni,+ nayiMvana.”*+ 11  Zonke iingelosi zazimile zijikeleze itrone nabadala+ nezidalwa eziphilayo ezine, bonke baguqa phambi kwetrone bejongise ubuso emhlabeni, bakhonza uThixo, 12  besithi: “Amen! Umele udunyiswe Thixo wethu kuba uzukile, unobulumko, unamandla yaye womelele. Kwakhona umele ubulelwe, unikwe imbeko ngonaphakade kanaphakade.+ Amen.” 13  Emva koko omnye wabadala wathi kum: “Ngoobani aba banxibe iimpahla ezimhlophe+ yaye bavela phi?” 14  Ngoko nangoko ndathi kuye: “Nkosi yam nguwe owaziyo.” Yena wathi kum: “Aba bantu baphuma kwixesha lentlungu engathethekiyo,+ baye bazihlamba iimpahla zabo zamhlophe ­egazini ­leMvana.*+ 15  Yiloo nto bephambi kwetrone kaThixo, besenza umsebenzi wakhe ongcwele imini nobusuku, etempileni yakhe, yaye Lowo uhleli etroneni+ uza kuyolulela phezu kwabo intente yakhe.+ 16  Soze baphinde balambe okanye banxanwe, nelanga soze liphinde libagqatse okanye beve ubushushu obutshisayo,+ 17  kuba iMvana*+ engakwitrone iza kubakhathalela njengomalusi,+ ibase kwimithombo enamanzi obomi.+ Yaye uThixo uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “isitampu.”
Okanye “isitampu.”
Okanye “isitampu.”
Okanye “isitampu.”
Okanye “isitampu.”
Okanye “kweTakane Legusha.”
Okanye “naliTakane Legusha.”
Okanye “leTakane Legusha.”
Okanye “iTakane Legusha.”