Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngubani Owabhala IBhayibhile?

Ngubani Owabhala IBhayibhile?

Imbono YeBhayibhile

Ngubani Owabhala IBhayibhile?

IBHAYIBHLE ichaza ngokuphandle ukuba yabhalwa ngubani. Iinxalenye ezahlukahlukeneyo zayo ziqalisa ngebinzana elithi “amazwi kaNehemiya,” “umbono kaIsaya” nelithi “ilizwi likaYehova elafika kuYoweli.” (Nehemiya 1:1; Isaya 1:1; Yoweli 1:1) Ezinye iimbali kuthiwa zabhalwa nguGadi, nguNatan noSamuweli. (1 Kronike 29:29) Ezinye iindumiso ziyachaza ukuba zabhalwa ngubani.—INdumiso 79, 88, 89, 90, 103 neye-127.

Ekubeni kwasetyenziswa abantu ekubhaleni iBhayibhile, abanye abayithandabuzayo iBhayibhile bathi ibhalwe ngabantu, njengazo zonke ezinye iincwadi. Kodwa ngaba kusengqiqweni ukucinga ngolo hlobo?

Kusetyenziswe Abantu Abangamashumi Amane, Kodwa Umbhali Mnye

Inkoliso yabantu ababhala iBhayibhile iyavuma ukuba yabhala egameni likaYehova, uThixo oyinyaniso, yaye yayisalathiswa nguye okanye yingelosi. (Zekariya 1:7, 9) Kangangezihlandlo ezingaphezu kwama-300, abaprofeti ababhala iZibhalo zesiHebhere bathi: “Utsho uYehova ukuthi.” (Amosi 1:3; Mika 2:3; Nahum 1:12) Imibhalo emininzi iqala ngamazwi anjengathi “ilizwi likaYehova elafika kuHoseya.” (Hoseya 1:1; Yona 1:1) Ngokuphathelele abaprofeti bakaThixo, umpostile uPetros wathi: “Abantu bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.”—2 Petros 1:21.

Ngoko, iBhayibhile yincwadi enye eneencwadi ezininzi ezibhalwe ngamadoda amaninzi awayevuma ukuba nguThixo owawaxhasayo. Ngamanye amazwi, uThixo wasebenzisa oonobhala abangabantu ukuze babhale iingcinga zakhe. Wakwenza njani oku?

“Siphefumlelwe NguThixo”

Umpostile uPawulos wathi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Oko kukuthi, uThixo wasebenzisa amandla akhe angabonakaliyo ukuphembelela ababhali abangabantu, edlulisela isigidimi sakhe kubo. Kodwa ke yona iMiyalelo Elishumi, uYehova wayibhala ngokwakhe kumacwecwe amatye. (Eksodus 31:18) Ngamanye amaxesha uThixo wayebaxelela ngokuthe ngqo abakhonzi bakhe isigidimi sakhe. IEksodus 34:27 ithi: “Waqhubeka wathi uYehova kuMoses: ‘Wabhale phantsi la mazwi . . . ’”

Ngezinye izihlandlo, uThixo wayebangela abantu ukuba babone imibono yoko wayefuna bakubhale. Ngenxa yoko uHezekile wathi: “Ndabona imibono kaThixo.” (Hezekile 1:1) Ngokufanayo, “uDaniyeli wabona iphupha nemibono yentloko yakhe esemandlalweni wakhe. Waza walibhala phantsi iphupha elo.” (Daniyeli 7:1) Incwadi yokugqibela yeBhayibhile, iSityhilelo, yadluliselwa ngaloo ndlela kumpostile uYohane. UYohane wabhala: “Ngempefumlelo ndaba kwimini yeNkosi, yaye ndeva emva kwam ilizwi elinamandla njengelexilongo, lisithi: ‘Oko ukubonayo kubhale emsongweni.’”—ISityhilelo 1:10, 11.

Ubuntu Babantu Abazibhalayo

Ukuphefumlelwa kweBhayibhile akuzange kwenze bungaveli ubuntu bababhali bayo. Eneneni, kwafuneka ukuba ababhali bayo benze umgudu omkhulu ukuze babhale isigidimi sikaThixo. Ngokomzekelo, umbhali wencwadi yeBhayibhile yeNtshumayeli wathi, “wafuna ukufumana amazwi ayolisayo nokubhala amazwi achanileyo enyaniso.” (INtshumayeli 12:10) Ukuze adibanise ingxelo yembali, uEzra wakhangela kwiingxelo ezili-14, “engxelweni yemicimbi yemihla kaKumkani uDavide” ‘nakwiNcwadi yooKumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.’ (1 Kronike 27:24; 2 Kronike 16:11) Umbhali weVangeli uLuka ‘wazilanda zonke izinto ukususela kwasekuqaleni ngokuchanileyo, wazibhala ngolungelelwano olucwangcisiweyo.’—Luka 1:3.

Ezinye iincwadi zeBhayibhile zityhila ubuntu balowo wazibhalayo. Ngokomzekelo, uMateyu Levi, owayengumqokeleli werhafu ngaphambi kokuba abe ngumfundi kaYesu, wayenikela ingqalelo engakumbi kumanani. Nguye yedwa umbhali weVangeli owabhala ingxelo yokuba uYesu wangcatshwa ‘ngamaqhosha esilivere angamashumi amathathu.’ (Mateyu 27:3; Marko 2:14) ULuka, ugqirha, wachaza iinkcukacha ezichanileyo zonyango. Ngokomzekelo, xa wayechaza imeko yabo baphiliswa nguYesu, wasebenzisa ibinzana elinjengelithi “umkhuhlane omkhulu” nelithi “ozele liqhenqa.” (Luka 4:38; 5:12; Kolose 4:14) Ngoko uYehova wayedla ngokubavumela ababhali ukuba babalise ngamazwi abo nangendlela yabo yokuthetha; kodwa, kwangaxeshanye, wayekhokela iingqondo zabo ukuze oko bakubhalayo kuchane kuze kudlulisele isigidimi sakhe.—IMizekeliso 16:9.

IBhayibhile Epheleleyo

Ngaba akumangalisi ukuba amadoda angama-40, abhala kumazwe aliqela kwiminyaka engaphezu kwe-1 600, abhale incwadi evisisanayo nenomxholo ofanayo? (Bona inqaku elithi “Ithetha Ngantoni IBhayibhile?” kwiphepha 19.) Oku bekungenakwenzeka ukuba ayengakhokelwa nguMbhali omnye.

Ngaba uYehova wayenyanzelekile ukuba asebenzise abantu ekubhaleni iLizwi lakhe? Akunjalo. Kodwa ukwenza kwakhe njalo kubonisa ukuba unobulumko. Eneneni, esinye sezizathu zokuba iBhayibhile ibangele umdla kukuba ababhali bayo bachaza iimvakalelo zabantu—kwimeko kaKumkani uDavide, iBhayibhile ichaza indlela umoni oguqukileyo aziva enetyala ngayo ecela ukuba uThixo amxolele.—INdumiso 51:2-4, 13, 17, umbhalo osemantla.

Nangona uYehova wasebenzisa ababhali abangabantu, nathi sinokuzithemba izinto abazibhalayo njengamaKristu okuqala, awazamkelayo iZibhalo Ezingcwele “kungekhona njengelizwi labantu, kodwa, kanye njengokuba kunjalo enyanisweni, njengelizwi likaThixo.”—1 Tesalonika 2:13.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

◼ Ngubani uMbhali waso “sonke iSibhalo”?—2 Timoti 3:16.

◼ Ziziphi iindlela uYehova uThixo aye wazisebenzisa ukuze adlulisele iingcamango zakhe?—Eksodus 31:18; 34:27; Hezekile 1:1; Daniyeli 7:1.

◼ Bubonakala njani ubuntu nezinto abanomdla kuzo abantu abaphefumlelwa ukuba babhale iBhayibhile kwindlela abayibhale ngayo?—Mateyu 27:3; Luka 4:38.