Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Eyesi-5—Khuthaza Wena Nentsapho Yakho

Eyesi-5—Khuthaza Wena Nentsapho Yakho

“Wonk’ ubani onobuqili uya kwenza ngokwazi.” (IMizekeliso 13:16) Ukuba nolwazi olusisiseko ngezempilo kunokukunceda ukuphaphele ukwenza uhlengahlengiso oluya kwenza wena nentsapho yakho nibe sempilweni.

Qhubeka ufunda. Kumazwe amaninzi zikho iindawo onokuya kuzo ukuze ufumane okanye ufunde iincwadi ezithetha ngemibandela eyahlukahlukeneyo ephathelele ezempilo. Yiya kwezi ndawo ukuze ufunde izinto ezisisiseko ezinokuphucula impilo nezinokukunceda uphephe ukubeka impilo yakho engozini. Kulungele ukwenza utshintsho.

Ukuqhelisela ukwenza ezi zinto kuya kuba yingenelo kubantwana bakho nakubantwana babo. Xa abazali bengumzekelo omhle ngokuphathelele ukutya ukutya okusempilweni, ukucoceka, ukulala ngokwaneleyo, ukwenza umthambo nokuthintela izifo, konke oko kuya kuba yingenelo kubantwana babo.—IMizekeliso 22:6.

Yintoni enye into efunekayo? Ukuze ukwazi ukuphila ngendlela eya kukwenza uhlale usempilweni kufuneka okungakumbi kunokuba nomdla nje kwisiqu sakho. Kunokuba nzima ukwahlukana nemikhwa emibi esele yendele yaye nkqu nokwenza uhlengahlengiso oluncinane kufuna uzimisele. Abanye abazenzi izinto abaziyo ukuba zinokubanceda kwanaxa besengozini yokugula nokufa. Yintoni enokubatshintsha? Njengathi sonke, kufuneka bahlale beyikhumbula eyona njongo yobomi.

Abantu abatshatileyo bafanele bahlale besempilweni yaye bomelele ukuze bancedane. Abazali bafuna ukuqhubeka bexhasa yaye beqeqesha abantwana babo. Abantwana abadala kufuneka banyamekele izalamane zabo ezalupheleyo. Kwakhona basenokunqwenela ukuba luncedo kunokuba babe ngumthwalo kwindawo abahlala kuyo. Konke oku kufuna ukuba ubathande uze ubaxhalabele abanye.

Uxabiso onalo nozinikelo lwakho kuMdali lufanele lukukhuthaze ukuba uzabalazele ukuba sempilweni. Amakholwa anomdla wokulondoloza isipho sobomi asifumene kuThixo. (INdumiso 36:9) Xa sisempilweni siya kukwazi ukuxakeka nangakumbi kwinkonzo esiyenzela uThixo. Asikho isizathu esibaluleke ngakumbi sokukhathalela impilo yakho.

Kunandiphe ukuba sempilweni