Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Eyesi-2—Wunyamekele Umzimba Wakho

Eyesi-2—Wunyamekele Umzimba Wakho

“Akukho mntu wakha wayithiya eyakhe inyama; kodwa uyayondla aze ayiphathe ngononophelo.”—Efese 5:29. Ukunyamekela umzimba wakho kunokwenza umahluko omkhulu empilweni yakho.

Phumla ngokwaneleyo. “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:6) Ubomi banamhlanje obuxakekileyo benza abantu bangalali ngokwaneleyo. Kodwa ukuze ube sempilweni kubalulekile ukulala. Uphando lubonisa ukuba xa ulele, umzimba nengqondo ziyazihlaziya yaye loo nto iphucula inkumbulo ize ikwenze wonwabe.

Ukulala komeleza inkqubo yomzimba yokulwa nezifo yaye kunciphisa amathuba okuba nezifo ezinjengesifo seswekile, isifo sentliziyo, umhlaza, ukutyeba ngokugqithiseleyo, uxinezeleko mhlawumbi nesifo sika-Alzheimer. Kuhle ukuba silale kunokuba silwe nobuthongo ngokutya iilekese, izinto ezinecaffeine okanye ezinye izinto ezikwenza ungalali. Inkoliso yabantu abadala kufuneka balale iiyure ezisixhenxe ukuya kwezisibhozo ukuze bakhangeleke kakuhle, bazive besempilweni nokuze bakwazi ukusebenza kakuhle. Ulutsha lona lufanele lulale ixesha elingakumbi. Ulutsha olungalaliyo ludla ngokuba neengxaki zengqondo nto leyo elwenza lulale naxa luqhuba.

Ukulala kubalulekile ngokukodwa xa umntu egula. Imizimba yethu iyakwazi ukuzoyisa izigulo ezinjengomkhuhlane xa silala ngokwaneleyo size sisele amanzi amaninzi nezinye izinto.

Nyamekela amazinyo akho. Ukuxukuxa nokuvungula emva kokutya, ngokukodwa ngaphambi kokuba uye kulala kunceda amazinyo angaboli yaye kulwa nesifo seentsini nokuphunyelwa ngamazinyo. Asikunandiphi ngokupheleleyo ukutya xa singenamazinyo. Kuthiwa iindlovu azibulawa kukwaluphala kodwa zibulawa yindlala ngenxa yokuphunyelwa ngamazinyo zize zingakwazi ukuhlafuna kakuhle. Abantwana abafundiswe ukuxukuxa nokuvungula emva kokuba betyile baba sempilweni ubomi babo bonke.

Yiya kugqirha. Ezinye izigulo zifuna ukuba uye kwagqirha. Ukuzazi kwangoko ukuba uyagula kudla ngokuba luncedo yaye kunciphisa iindleko. Ngoko, xa uziv’ ugula yiya kwagqirha ukuze kunyangwe isigulo eso kunokuba ulwe nje neempawu zaso.

Ukumane usiya kuxilongwa kunokuzithintela iingxaki ezininzi njengokuba kunjalo ngokuya rhoqo kwagqirha xa ukhulelwe. * Kodwa ke ukhumbule ukuba oogqirha abayenzi imimangaliso. Zonke izigulo zethu ziya kuphela, kuphela xa uThixo esenza ‘zonke izinto zibe ntsha.’—ISityhilelo 21:4, 5.

^ isiqe. 8 Sicela ufunde inqaku elithi “Oomama Neentsana Ezisempilweni” kuVukani! kaNovemba 2009