Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Layilwa?

Igqudu Elingaphantsi Kwephiko Lempukane

Igqudu Elingaphantsi Kwephiko Lempukane

Yintoni ebangela ukuba iimpukane ezithanda indlu zibhabhe lula? Yintoni enceda le mpukane ibhabhe kakuhle nokuba ibhudlwa ngumoya onamandla? Ubukhulu becala, incedwa ligqudu elincinane ekuthiwa yihaltere, eliphantsi kwephiko ngalinye. *

Cinga ngoku: Le haltere ligqudu elincinane elifana nelo lokubetha igubu. Xa esi sinambuzane sibhabha, la magqudu ehla enyuka ngesingqi esifana neso samaphiko, kodwa wona esiya kwicala elahlukileyo. Izazinzulu ziyamangaliswa ngumsebenzi wobugcisa owenziwa ngala magqudu nanceda impukane izinze xa ibhabha.

Ngaphandle kwala magqudu, le mpukane (ingasekhohlo) nale ngcongconi beziya kukhawuleza ziwele phantsi

IEncyclopedia of Adaptations in the Natural World ithi, ngenxa yobungqukuva bawo, la magqudu “atsho ngesingqi esithile, kanye njengosiba lwewotshi.” Le ntyilalwazi yongezelela isithi xa impukane ibhabha ize ijike ngesiquphe, enoba kungabom okanye ngenxa yomoya obhudla ngamandla, “eli gqudu liye lijijeke. Oku kujijeka kuye kuviwe yimithambo ekweli gqudwana ize ikuthumele engqondweni yona echazela impukane ngento emele iyenze ukuze ibhabhe kakuhle.” Yiloo nto enceda iimpukane zibhabhe lula kube nzima nokuzibamba.

Oku kwenze iinjineli zacinga ngentaphane yezinto ezinokubusebenzisa kuzo obu bugcisa njengeerobhoti, izinto ezibhabhayo, neziphekepheke zokuya emajukujukwini. Umphandi ngeziphekepheke uRafal Zbikowski uthi: “Ngubani owayenokucinga ukuba ininzi kangaka into esinokuyifunda kwisinambuzane esincinane kangaka, nesingathandekiyo njengempukane?”.

Ucinga ntoni? Ngaba amagqudu aphantsi kwamaphiko empukane abakho ngamabona-ndenzile? Okanye ngaba ayilwa?

^ isiqe. 3 Eli gqudwana lifumaneka kwizinambuzane ezinamaphiko amabini, njengeempukane,iingcongconi, neembuzane.