Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Ukukhanyisa Kwenkanyezi

Ukukhanyisa Kwenkanyezi

ESINYE isinambuzane esibizwa ngokuba yinkanyezi sinamaxolo esikhumba omeleleyo naneendawo ezitsolo anceda ekuqaqambiseni ukukhanyisa kwesi sinambuzane. *

Amaxolo esikhumba senkanyezi

Khawucinge ngoku: Oososayensi baye bafumanisa ukuba isibane senkanyezi sigqunywe ngamaxolo esikhumba amancinci elinye liphezu kwelinye. La maxolo ayaphakama kancinci ngasekupheleni. Oku kuphakama kunceda ukukhanyisa kwesi sinambuzane kwande ngeepesenti eziyi-50!

Olu phando lunganceda na ekuphuculeni indlela ezikhanyisa ngayo iiglowubhu? Oososayensi baye bakuphanda oku ngokuthi benze izinto ezifana nala maxolo baza bazifaka kwiiglowubhu. Waba yintoni umphumo? Ezi glowubhu zakhanyisa ngakumbi ngeepesenti eziyi-55! Usosayensi uAnnick Bay uthi: “Eyona nto yenza umdla ngolu phando kukubona indlela esinokufunda lukhulu ngayo xa sibukele indalo.”

Ucinga ntoni? Ngaba ukukhanyisa kwenkanyezi kwabakho ngamabona-ndenzile? Okanye kwadalwa?

^ isiqe. 3 Oososayensi abakazazi ncam zonke iintlobo zesi sinambuzane.