Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Umhlathi Wengwenya

Umhlathi Wengwenya

KUZO zonke izilwanyana ezikhoyo, asikho esiluma ukogqitha ingwenya. Ngokomzekelo, amandla eluma ngawo ingwenya efumaneka kumanzi anetyuwa kufuphi naseOstreliya, iwaphinda kathathu awengonyama okanye awengwe. Sekunjalo, izivamvo zomhlathi wayo zodlula nezeminwe yomntu. Kodwa ingenzeka njani loo nto, ekubeni inesikhumba esiqinileyo?

Umhlathi wengwenya unamawaka-waka ezivamvo. Emva kokuphanda ngazo, umphengululi uDuncan Leitch wathi: “Izivamvo zayo ziphumela kwimingxuma ekwithambo lomhlathi.” Oku kwenza ukuba izivamvo zengwenya zikhuseleke ngoxa ziceketheke ngendlela engenamlinganiselo. Ngenxa yoko, iyakwazi ukusebenzisa umlomo wayo ukwahlukanisa phakathi kokutya nenkunkuma. Ikwayiloo nto neyenza ukuba ingwenya ikwazi ukuthwala amantshontsho ayo ngomlomo ingawatyumzi. Iyamangalisa into yokuba umhlathi wengwenya womelele kangaka, uphinde uceketheke kwangaxeshanye.

Ucinga ntoni? Ngaba umhlathi wengwenya wazivelela? Okanye wadalwa?