Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela ENicaragua

Ukutyelela ENicaragua

ABANTU badla ngokuthi iNicaragua lilizwe lamachibi neentaba-mlilo. Eli lizwe linelona chibi likhulu kuMbindi Merika—iChibi laseNicaragua. Izizwe zomthonyama zilibiza ngokuba yiCocibolca, igama elithetha “uLwandle Olunencasa.” Inamakhulukhulu eziqithi yaye kuphela kwechibi elinezilwanyana zaselwandle, njengookrebe nezinye iintlanzi.

Intyatyambo yelizwe laseNicaragua, isacuanjoche (frangipani)

INicaragua ineyona ndawo isemagqagaleni eMbindi Merika ebizwa ngokuba luNxweme lweMosquito. Igubungela umgama ozikhilomitha eziyi-65 kunxweme olusempuma ukuya kwilizwe elingummelwane iHonduras. AmaMiskito lelinye lamaqela abantu bomthonyama eNicaragua ababehlala apho ngaphambi kokuba kufike abantu abamhlophe ngeminyaka yoo-1500.

AmaMiskito ngabantu abathandanayo ibe nezithethe zabo zohluke gqitha. Ngokomzekelo ulwimi lwabo alunazo izihlonipho ezithi “Mnu” okanye “Nkszn.” Kwimimandla yasemaphandleni, abantwana badla ngokuthi “malume” okanye “anti” xa bethetha nabantu abadala enoba bayazalana okanye akunjalo. Ngokwesithethe sabo xa amabhinqa ebulisa abahlobo okanye izalamane abulisana ngezidlele. Lize ibhinqa elibulise kuqala lisezele umoya ngeempumlo.

Abantu bomthonyama

Iincwadi zeBhayibhile zesiMayangna nesiMiskito, ezipapashwa ngamaNgqina kaYehova