Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Idolophu iAstana

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EKazakhstan

Ukutyelela EKazakhstan

ABANTU baseKazakhstan babekuthanda ukufuduka. Nakule mihla yethu, abelusi balapho bayalusela kwiindawo ezahlukeneyo imfuyo yabo, ngokwamaxesha onyaka. Ehlotyeni bahlala nemfuyo yabo kwiindawo eziphakamileyo nezipholileyo. Baze xa kusondela ubusika, behle baye kuhlala nayo kwiindawo ezifudumeleyo.

Abanye abantu eKazakhstan bahlala kwiidolophu eziphucukileyo. Sekunjalo, indlela abazenza ngayo izinto, ukutya kwabo nezinto abazenza ngezandla zibonisa indlela ababephila ngayo ookhokho babo. Abantu balapha bayakuthanda ukumamela imibongo, umculo neengoma ezidlalwa ngezixhobo zabo zomculo.

Ekubeni bekuthanda ukufuduka, bahlala kwiintente ekuthiwa ziiyurt. Le nto ibonisa ukuba bayayithanda indalo. Abelusi basazithanda kakhulu ezi ntente, bona abantu abahlala ezidolophini bazisebenzisa ngamaxesha akhethekileyo. Zilungiselelwa nabakhenkethi ukuze bahlale kamnandi. Xa ungaphakathi, ububona kakuhle ubuchule babafazi balapha bokuthunga, ukunitha nobokwenza iikhaphethi.

Ngaphakathi kwiyurt

Abantu baseKazakhstan abahlala ezilalini, bawathanda kakhulu amahashe. Banamagama ayi-21 ubuncinane ababiza ngawo amahashe, gama ngalinye linento eliyithethayo. Baphinde babe namagama angaphezu kwe-30 okuchaza imibala yawo. Esona sipho sixabisekileyo nesibizayo onokusifumana lihashe. Kweli lizwe, amakhwenkwe afunda ukukhwela ihashe esemancinci.

Okona kutya kuthandwayo kufanele kusoloko kuhamba nenyama kuze kungafakwa ziqholo. Ezinye zezona ziselo zithandwayo yikoumiss, eyenziwe ngobisi lwehashe nekuthiwa isempilweni kunye neshubat, yona inamafutha kwaye inendawana emuncu ibe yenziwe ngobisi lwenkamela.

Abantu bamkelekile ukuba baye kubuka iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eseAlmaty.

Ehlotyeni, eli hlosi lihlala phezu kweentaba zaseKazakhstan

Ukhozi lunxityiswa into eyogquma amehlo ukuze lungaboyiki abantu