Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UKWENZA IKHAYA LIBE NOXOLO

Indlela Yokwenza Uxolo Entsatsheni

Indlela Yokwenza Uxolo Entsatsheni

NGABA ucinga ukuba iBhayibhile inganceda ekwenzeni uxolo ekhayeni? Khawuthelekise oko iBhayibhile ithi kuluncedo kunye noko kuye kwathethwa ngabantu ekuye kwadliwan’ indlebe nabo. Qwalasela izinto ezinokukunceda uphephe ingxabano, ugcin’ uxolo uze ugcine umanyano lwentsapho.

IMIGAQO YEBHAYIBHILE EBANGELA UXOLO

ZIFUNDISE UKUBONA IZINTO EZINTLE KWABANYE.

“Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye njengabongamileyo kunani, ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”Filipi 2:3, 4.

“Siphawule ukuba kufuneka ujonge iqabane lakho njengelibaluleke ngaphezu kwakho nabanye.”—C. P., oneminyaka eyi-19 etshatile.

PHULAPHULA KAKUHLE.

“Qhubeka ubakhumbuza . . . bangabi ngabathanda ukulwa, babe ngabanengqiqo, bebonisa ubulali kubantu bonke.”Tito 3:1, 2.

“Ukungavisisani kunokuphetshwa xa singaphenduli ngelizwi elirhabaxa. Kubalulekile ukuphulaphula ngaphandle kokugweba size siyihlonele imbono yomnye nokuba asivumelani nayo.”—P. P., oneminyaka eyi-20 etshatile.

ZAMA UKUBA NOMONDE NOBULALI.

“Ngomonde umphathi uyacengeka, yaye ngolwimi olunobulali unokwaphula ithambo.”IMizekeliso 25:15.

“Iingxabano ziya kuhlala zikho kodwa kuxhomekeka kwinto esiyenzayo xa sixabana. Thina nje sifanele, sibe nomonde. Xa sinawo, siye siphawule ukuba izinto ziyalunga.”—G. A., oneminyaka eyi-27 etshatile.

UNGAZE UBHENELE KUMAZWI AHLABAYO.

“Lahlani konke, ingqumbo, umsindo, ububi, yaye makungaphumi ntetho itshabhisayo, nantetho ingamanyala emlonyeni wenu.”Kolose 3:8.

“Ndiyayithanda indlela umyeni wam akwazi ngayo ukuwubamba umsindo wakhe. Uhlala ezolile yaye akasoze andingxolise okanye andithuke.”—B. D., oneminyaka eyi-20 etshatile.

KULUNGELE UKUXOLELA NOKULUNGISA INGXABANO NGOKUKHAWULEZA.

“Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye.”Kolose 3:13.

“Xa unestres akusoloko kulula ukuhlala uzolile, ngenxa yoko usenokuthetha okanye wenze izinto ezinokulikhathaza iqabane lakho. Ngamaxesha anjalo, kuhle ukuxolela kuba ukuze umtshato uphumelele, umele uxolele.”—A. B., oneminyaka eyi-34 etshatile.

ZIQHELISE UKUBAPHA NOKUBACINGELA ABANYE.

“Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha. . . . Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.”Luka 6:38.

“Umyeni wam uyayazi into endivuyisayo kwaye uhlala esenza izinto endizithandayo ndingacinganga. Nam ndihlala ndicinga indlela endinokumvuyisa ngayo. Loo nto ibangela ukuba sihlale sonwabile yaye sihleka.”—H. K., oneminyaka eyi-44 etshatile.

QHUBEKA UBANGELA UXOLO EKHAYA

UVukani! uye wadlan’ indlebe namanye amalungu entsapho aphakathi kwezigidi zabantu eziye zancedwa yiBhayibhile ukuze zikhulise iimpawu ezibangela uxolo ekhayeni. * Nangona abanye kwintsapho yabo bengafuni ukwenza uxolo, baye bafumanisa ukuba kuluncedo ukuba noxolo kuba iBhayibhile ithembisa oku: “Abo baceba uxolo banemihlali.”—IMizekeliso 12:20.

^ isiqe. 24 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela yokwenza intsapho yonwabe, funda isahluko 14 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova kwaye ifumaneka naku-www.ps8318.com/xh. Jonga phantsi komxholo othi IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE > UKUNCEDA INTSAPHO.