Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ukususa Umqobo Wolwimi—Masikukrobise Kumsebenzi Owenziwayo

Ukususa Umqobo Wolwimi—Masikukrobise Kumsebenzi Owenziwayo

“Kuthiwa awukho umsebenzi ontsonkothe njengowokuguqulela.”—“The Cambridge Encyclopedia of Language.”

NGAPHAMBI kokuba kuguqulelwe, izinto ezipapashwa ngamaNgqina kaYehova ziye zicetywe, ziphandwe yaye zibhalwe ngenyameko. Ebudeni bale nkqubo, iSebe Lokubhala elikwikomkhulu eNew York lihlola yonke into ebhaliweyo ukuze libone ukuba ichanile kwaye kusetyenziswe imigaqo yolwimi eyiyo kusini na. *

Emva koko iSebe Lokubhala lithumela loo manqaku kubaguquleli abaninzi abasehlabathini lonke—ibe inkoliso yabo ihlala kwaye isebenza kwindawo ekuthethwa kuyo olo lwimi baluguqulelayo. Uninzi lwabo luguqulela kulwimi lwabo lweenkobe. Bamele baluqonde kakuhle ulwimi lwesiNgesi kwaye bazi nolo baguqulela kulo.

Abaguquleli badla ngokuwenza njani lo msebenzi?

UGeraint, umguquleli waseBritani, uyatyebisa: “Ndisebenza neqela labaguquleli, ngoko kubalulekile ukusebenzisana. Siyancedisana ukucombulula iingxaki ezinzima zomsebenzi wokuguqulela. Loo nto asiyenzi ngokujonga igama ngalinye kuphela, kunoko sijonga iqela lamagama. Sicinga ngeyona nto ayithethayo nenjongo yawo, kwaye asibalibali abantu elibhalelwe bona elo nqaku.”

Luyintoni usukelo lwakho njengomguquleli?

“Olona sukelo lwethu kukwenza umfundi avakalelwe ngathi loo nkcazelo ibibhalwe ngolwimi lwakhe kwasekuqaleni. Akafanelanga ayive into yokuba iguqulelwe. Ngenxa yeso sizathu, sizama ukusebenzisa ulwimi oluqhelekileyo. Ngaloo ndlela, siya kuyithimba ingqalelo yomfundi, kwaye uya kuqhubeka efunda ngokungathi utya ukutya okuluncuthu nekulula ukukwetyisa.”

Kunceda ngantoni ukuhlala kwindawo oluthethwa kuyo olo lwimi?

“Kunceda kakhulu ukuba phakathi kwabantu bomthonyama. Kaloku apha eWales, siluva luthethwa mihla le olu lwimi. Kanti ke, siyakwazi nokubuza amagama ebantwini ukuze sazi ukuba aqhelekile, ayavakala nokuba bayawathanda kusini na. Oko kusinceda sichaze kanye le nto ithethwa sisiNgesi.”

Niwenza njani ke lo msebenzi wenu?

“Umsebenzi ngamnye oguqulelwayo wabelwa iqela labantu abathile. Okokuqala, ilungu ngalinye leqela lifunda inqaku lesiNgesi ukuze liwuqonde lo mbandela kwaye lazi nokuba libhalelwe bani nokuba libhalwe njani. Sizibuza le mibuzo: ‘Lisinge phi kanye kanye eli nqaku? Kuthethwa ngantoni yaye yintoni injongo yalo? Ndilindele ukufunda ntoni kulo?’ Eli nyathelo lisenza sikwazi ukucinga ngeendlela zokuwubeka umbandela.

“Emva koko, amalungu eqela aphakelana ngezimvo, ilungu ngalinye lifunde kwelinye. Ngaba siqinisekile ukuba siyawuqonda lo mbandela? Sinokwenza njani ukuze sibhale kanye ngendlela isiNgesi esibhale ngayo? Injongo yethu kukuba abafundi bolwimi ekuguqulelwa kulo basabele kanye ngendlela amaNgesi asabela ngayo emva kokuba efunde elo nqaku.”

Asebenzisana njani ke la malungu eqela?

“Injongo yethu kukuba abafundi bayiqonde zisuka nje into abayifundayo. Ukuze senze loo nto, isiqendu ngasinye esiguqulelweyo sisifunda kaliqela.

“Umguquleli uye achwetheze isiqendu ngolo lwimi kuguqulelwa kulo, bejongile abanye ababini kwiikhompyutha zabo. Sijonga ukuba akukho zinto zifakelelweyo okanye zishiyelelweyo kusini na. Siphinda sihlole enoba kusetyenziswe ulwimi oluqhelekileyo, amagama apelwe ngendlela eyiyo, kwasetyenziswa nemigaqo yolwimi echanileyo na. Emva koko, omnye ufunda eso siqendu ngokuvakalayo. Ukuba uyakhinkxeka xa efunda, siye sifune ukuqonda ukuba kutheni. Emva kokuba liguqulelwe lonke inqaku, omnye uye alifunde ngokuvakalayo ngoxa abanye bebhala izinto abacinga ukuba kufuneka zilungiswe.”

Kuyasetyenzwa nyhani!

“Kunjalo! Luthi luphela usuku, ube udinwe uyimfe. Siphinda siwujonge loo mbandela ngentsasa elandelayo xa sihlaziyekile. Kwiiveki ezimbalwa kamva, iSebe Lokubhala lithumela izinto eliye lazilungisa kwelo nqaku. Emva koko siye siphinde siwufunde umsebenzi wethu size siwuphucule.”

Ziziphi iinkqubo zekhompyutha enizisebenzisayo?

“Iikhompyutha azinakukwazi ukuthatha indawo yabaguquleli abangabantu. Kodwa amaNgqina kaYehova aye enza iinkqubo zokuguqulela ezisincedayo ukuze kube lula ukwenza umsebenzi wethu. Enye yazo ifana nesichazi-magama ozakhela kuso uvimba wamagama namabinzana. Enye yona isinceda sikwazi ukuphanda yonke into esele iguqulelwe ngabaguquleli bethu ukuze sibone amacebo abaye bawasebenzisa ukucombulula iingxaki zokuguqulela.”

Niziva njani ngalo msebenzi niwenzayo?

“Lo msebenzi wethu siwujonga njengesipho esisipha abantu. Esi sipho sethu sifuna ukusisongela kakuhle. Kusenza sibe nemincili ukucinga ukuba inqaku lemagazini okanye ikhasi elikwi-intanethi linokufikelela intliziyo yomntu olifundayo lize libuphucule ubomi bakhe.”

Iinzuzo Zikanaphakade

Ehlabathini jikelele, amakhulu ezigidi zabantu afunda izinto ezipapashwa ngamaNgqina kaYehova ngolwimi lwawo lweenkobe. Inkcazelo encedayo efumaneka kuncwadi, kwiividiyo nakwiwebhsayithi yawo ethi jw.org, isekelwe eBhayibhileni. Kaloku, kule ncwadi ingcwele, uThixo ogama linguYehova, usixelela ukuba ufuna umyalezo wakhe usiwe ebantwini bazo “zonke iintlanga nezizwe neelwimi.”—ISityhilelo 14:6. *

^ isiqe. 4 Ababhali babhala ngesiNgesi.

^ isiqe. 25 Yiya ku-www.ps8318.com/xh ukuze uzingcamlele kwizinto ezibhaliweyo nezirekhodiweyo zolwimi lwakho nezezinye iilwimi ezingamakhulukhulu.