Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukutya Okwalana Nomzimba Nokutya Okungetyiswayo Ngumzimba—Yintoni Umahluko?

Ukutya Okwalana Nomzimba Nokutya Okungetyiswayo Ngumzimba—Yintoni Umahluko?

UEmily uthi: “Ndathi ndakubeka ifolokhwe yam phantsi ndaqalisa ukuziva ndingemnandanga. Ndandirhawuzelelwa emlonyeni, nolwimi lwam ludumba. Ndaqalisa ukuba nesiyezi, kwanzima nokuphefumla. Kwaphuma izigxala ezingalweni nasentanyeni. Ndazama ukuzenza ngathi andiphakuzeli, kodwa ndandisazi ukuba kuza kufuneka ndibaleke ndiye esibhedlele!”

KUBANTU abaninzi, ixesha lokutya lelona xesha limnandi. Kodwa ke, abanye bayanyanzeleka ukuba bagqale iindidi ezithile zokutya “njengeentshaba.” NjengoEmily, ocatshulwe ngaphambili, ezinye zezinto ezityiwayo ziyalana nemizimba yabo (okanye baneeallergy). Le nto yayiphethe uEmily ibizwa ngokuba yianaphylaxis, isifo esiyingozi kakhulu. Okuvuyisayo kukuba, inkoliso yezinto ezalana nomzimba azide zibe yingozi kangaka.

Kutshanje, liye landa inani lezinto ezityiwayo eziye zachazwa njengezikhatywayo okanye ezingetyiswayo yimizimba yabantu. Kodwa ke, olunye uphando lubonisa ukuba, kubantu abacinga ukuba kukho ukutya okwalana nemizimba yabo, bambalwa kakhulu abaye bayiqinisekisa loo nto koogqirha.

Sithetha Ngantoni Xa Sithetha Ngokutya Okwalana Nomzimba?

Ngokutsho kweqela loososayensi ababekhokelwa nguGqr. Jennifer J. Schneider Chafen kwingxelo yalo elayenza kwiThe Journal of the American Medical Association “ayikho indlela eyamkelwa ngumntu wonke yokuchaza ukutya okwalana nomzimba.” Kodwa ke iingcali ezininzi zikholelwa ukuba yinkqubo yamajoni omzimba ebangela ukuba umzimba walane nokutya okuthile.

Ngokuqhelekileyo xa umzimba usalana nokutya okuthile sukube usilwa neproteni ekoko kutya. Inkqubo yamajoni omzimba iye iphazame ize igqale loo proteni njengotshaba. Xa loo proteni ingena emzimbeni, inkqubo yamajoni omzimba inokudala amajoni omzimba awaziwa ngokuba yi-IgE ukuze kuliwe nolo tshaba. Xa uphinda uyitya loo nto, laa majoni ebedaliwe aye akhulule ngeembumbulu zawo eziyimichiza equka ihistamine.

Ngokuqhelekileyo, ihistamine yenza umsebenzi oluncedo kwinkqubo yamajoni omzimba. Kodwa ngezizathu ezingaziwa mntu, ukubakho kwamajoni omzimba ayi-IgE nokukhutshwa kwehistamine kumenza umntu agule xa etye ukutya okwalana nomzimba wakhe xa loo mntu enengxaki neproteni ekoko kutya.

Iyacaca ke ngoku into yokuba yintoni ebangela ukuba utye into okokuqala, ungabi nangxaki nayo, kodwa xa uyiphinda, yaliwe ngumzimba wakho.

Sithetha Ukuthini Xa Sithetha Ngokutya Okungetyiswayo Ngumzimba?

Ukungakwazi komzimba ukwetyisa ukutya kuyelelene nokwalana komzimba nokutya, kuba zombini zikudalela ingxaki emva kokuba utye into ethile. Kodwa ukungakwazi komzimba ukwetyisa ukutya kwahlukile kukwalana komzimba nokutya okuthile (okubangelwa yinkqubo yamajoni omzimba), kuba kona kubangelwa yinkqubo yomzimba yokwetyisa, ibe amajoni omzimba awabandakanyeki. Into edla ngokwenzeka kukuba, umntu uye anzinyelwe kukwetyisa ukutya okuthile, mhlawumbi ngenxa yokushota kwee-enzyme okanye ngenxa yemichiza efumaneka koko kutya ekunzima ukuyetyisa. Ngokomzekelo, xa umntu engakwazi ukwetyisa ilactose sukube isisu sakhe singavelisi iienzyme zokwetyisa uhlobo lweeswekile ezifumaneka kwiimveliso zobisi.

Ekubeni ukungakwazi komzimba ukwetyisa ukutya okuthile kungenanto yakwenza namajoni omzimba, kunokubonakala usaqala nje ukuyitya into. Into egqibayo isenokuba kukuba uya kangakanani kuloo nto uyityayo—ukuba ungcathu kukutya okuthile usenokungabi nangxaki, kodwa ukuba uya ngamandla inkathazo inokuvela. Ukutya okwalana nomzimba kwahlukile kona, kuba nokuba ungatya nje itispuni lako, usenokuyibelek’ ikrwempa, de nobomi bakho bube sengozini.

Zinjani Iimpawu Zazo?

Xa ukutya kusalana nomzimba wakho, unokurhawuzelelwa; ube nezigxala; udumbe umqala okanye amehlo; okanye ulwimi; ube nesicaphucaphu; uhlanze; kuhambise isisu; ibe kwezinye iimeko ezimbi kakhulu kuye kuhle uxinezeleko lwegazi, ube nesiyezi, ufeyinte, ude umelwe yintliziyo. Ianaphylaxis yona inokukukhawulezela kwaye inokukubulala.

Umzimba wakho unokwalana nako nakuphi na ukutya. Kodwa ke, ezona zinto zidla ngokuba yingxaki ngokuqhelekileyo zezi: ubisi, amaqanda, intlanzi, iicrustaceans, amandongomane, imbotyi zesoya, iinuts, nengqolowa. Umzimba womntu unokuqalisa ukwalana nokutya okuthile nakubuphi na ubudala. Uphando lubonisa ukuba imfuza iba nendima ethile, kwaye maninzi amathuba okuba umzimba womntwana walane nokutya okuthile ukuba umzali omnye okanye bobabini banezinto ezingabalungeliyo. Iqhelekile nento yokuba abantwana bangabi nangxaki nokutya okuthile xa bekhula.

Ukungakwazi komzimba ukwetyisa ukutya akubi nazimpawu zothusayo njengezaxa umzimba usalana nokutya okuthile. Ukungakwazi ukwetyisa ukutya kunokwenza isisu sibe buhlungu, siqunjelwe, sibe nomoya, ube nenkantsi, intloko ibe buhlungu, ube nerhashalala, udinwe, okanye uzive ungemnandanga. Zahlukene iindidi zokutya ezisenokudala le ngxaki—iimveliso zobisi, ingqolowa, igluten, utywala, neyeast zezinye zezona ziqhelekileyo.

Ukuxilonga Nokunyanga Ezi Zinto

Ukuba ucinga ukuba ukutya okuthile kuyalana nomzimba wakho okanye awukwazi kukwetyisa, yiya kugqirha oyingcali yale nto. Ukuzixilonga okanye ukuzigqibela ngokwakho ukuba uyeke ukutya okuthile kunokuba yingozi ngamanye amaxesha, kuba unokuthi ungazi ubandeze umzimba wakho izakha-mzimba eziyimfuneko.

Alukho unyango lwengxaki yokwalana komzimba nokutya okuthile ngaphandle kokukuyeka ngokupheleleyo oko kutya kudala ingxaki. * Kwelinye icala, ukuba noko ayinkulwanga ingxaki yokwalana komzimba okanye yokungakwazi komzimba ukwetyisa ukutya okuthile, unokusuka nje ungayi ngamandla kuko kwaye ungakutyi rhoqo. Kodwa ke, kwezinye iimeko abantu abangakwaziyo ukwetyisa ukutya okuthile baye banyanzeleke ukuba bakuyeke ngokupheleleyo, okanye ubuncinane okwexeshana elithile, kuxhomekeka ekubeni iyingozi kangakanani loo nto.

Ngoko, ukuba kukho ukutya okwalana nomzimba wakho okanye ongakwaziyo ukukwetyisa, kuya kukuthuthuzela ukwazi ukuba abantu abaninzi abanezi ngxaki baye bafunda ukuyilawula ingxaki yabo kwaye banandipha iintlobo ngeentlobo zokutya okunesondlo nokuluncuthu.

^ isiqe. 19 Kukhuthazwa ukuba abantu abanengxaki yezinto ezalana nemizimba yabo baphathe ityhubhu ethile ekhethekileyo eneadrenaline (iepinephrine) ukuze bazitofe ngayo xa begula ngesiquphe. Abanye oogqirha bacebisa ukuba abantwana abanezinto ezalana nemizimba yabo baphathe okanye banxibe izinto ezinokuchazela ootitshala okanye iimpelesi zabo ngemeko yabo.