Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Oleh_Slobodeniuk/​E+ via Getty Images

Isithembiso SikaThixo Sokuba Ukungcoliswa Komhlaba Kuza Kuphela

Isithembiso SikaThixo Sokuba Ukungcoliswa Komhlaba Kuza Kuphela

“Womelele umhlaba kunokuba sicinga.”

Lawo ngamazwi awathethwa liqela labaphandi lasemhlabeni wonke, xa babebona indlela imozulu etshintsha ngayo. Ukuba uyakholelwa kuMdali obakhathaleleyo abantu, le nto eyathethwa ngaba sosayensi ingakukhumbuza ngeendlela ezininzi uThixo awudale ngayo umhlaba ukuze ukwazi ukuzilungisa.

Nangona kunjalo, ekubeni abantu bewumoshe kakhulu umhlaba awunakukwazi ukuzilungisa ngokwawo ngokupheleleyo. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uThixo akazuwuyeka utshabalale umhlaba?

Jonga ezi zibhalo zikule bhokisi ezisiqinisekisayo ukuba umhlaba uza kukwazi ukumelana nokungcoliswa uze uqhubeke ukho.

  • Umhlaba wadalwa nguThixo. “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”​—Genesis 1:1

  • NgokaThixo lo mhlaba. “NgokaYehova a umhlaba nazo zonke izinto ezikuwo.”​—INdumiso 24:1

  • UThixo wenze umhlaba wakwazi ukuzilungisa. “Uwuzinzisile umhlaba phezu ­kweziseko zawo; awuzukususwa endaweni yawo ngonaphakade kanaphakade.”​—INdumiso 104:5

  • UThixo uthembisa ukuba ubomi buza kuqhubeka bukho kulo mhlaba ngonaphakade. “UThixo wokwenene, Lowo wadala umhlaba, . . . Ongawudalelanga ukuba uhlale nje, kodwa owudalele ukuba kuhlalwe kuwo.”​—Isaya 45:18

  • UThixo uthembisa ukuba abantu baza kuphila kulo mhlaba ngonaphakade. “Umhlaba uza kuba ngowamalungisa, ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.”​—INdumiso 37:29

UThixo udale umhlaba ukuze bonwabe kuwo abantu ngaphandle kokuwungcolisa. IBhayibhile ithi, ngexesha alibekileyo uYehova uThixo uza kuphelisa ukuphathwa kakubi nokumoshwa komhlaba.​—ISityhilelo 11:18

IBhayibhile ithembisa ukuba uThixo uza kuwujika lo mhlaba ube yiparadesi eklini nentle aze avule isandla sakhe ukuze “anelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.”​—INdumiso 145:16

a UYehova ligama likaThixo.​—INdumiso 83:18.