Genesis 1:1-31

  • Kudalwa amazulu nomhlaba (1, 2)

  • Iintsuku ezintandathu zokulungiswa komhlaba (3-31)

    • Ngosuku 1: ukukhanya, imini nobusuku (3-5)

    • Ngosuku 2: isibhakabhaka (6-8)

    • Ngosuku 3: umhlaba owomileyo nezityalo (9-13)

    • Ngosuku 4: izikhanyiso esibhakabhakeni (14-19)

    • Ngosuku 5: iintlanzi neentaka (20-23)

    • Ngosuku 6: izilwanyana ezihlala emhlabeni nabantu (24-31)

1  Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.+  Emhlabeni kwakusenyanyeni, kungekho nto, yaye kwakumnyama phezu kwamanzi anzulu,*+ amandla kaThixo asebenzayo*+ ezula-zula phezu kwaloo manzi.+  UThixo wathi: “Makuvele ukukhanya.” Kwavela ke ukukhanya.+  Emva koko uThixo wabona ukuba ukukhanya kuhle, waqalisa ukwahlukanisa ukukhanya kubumnyama.  UThixo wathi ukukhanya yiMini, ubumnyama buBusuku.+ Kwahlwa, kwasa, yaba lusuku lokuqala ke olo.  Emva koko uThixo wathi: “Makubekho isibhakabhaka+ phakathi kwamanzi yaye amanzi mawahlukane.”+  UThixo walandelisa ngokwenza isibhakabhaka waza wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kumanzi angaphezu kwesibhakabhaka.+ Kwaba njalo ke.  UThixo wathi isibhakabhaka liZulu. Kwahlwa, kwasa, yaba lusuku lwesibini ke olo.  Emva koko uThixo wathi: “Amanzi angaphantsi kwamazulu mawaqokelelane ndawonye kuze kuvele indawo eyomileyo.”+ Kwaba njalo ke. 10  Le ndawo yomileyo, uThixo wathi nguMhlaba,+ kodwa amanzi aqokelelene ndawonye wathi ziiLwandle.+ UThixo wabona ukuba kulungile.+ 11  Emva koko uThixo wathi: “Umhlaba mawuntshulise ingca, izityalo ezivelisa imbewu nemithi yeziqhamo ngokohlobo lwazo, zivelise iziqhamo nembewu emhlabeni.” Kwaba njalo ke. 12  Umhlaba waqalisa ukuntshulisa ingca, izityalo ezivelisa imbewu+ nemithi evelisa iziqhamo nembewu, ngokohlobo lwazo. UThixo wabona ukuba kulungile. 13  Kwahlwa, kwasa, yaba lusuku lwesithathu ke olo. 14  Emva koko uThixo wathi: “Makuvele izikhanyiso+ esibhakabhakeni samazulu, zahlule imini nobusuku,+ zahlule namaxesha onyaka, iintsuku neminyaka.+ 15  Ziza kuba zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise emhlabeni.” Kwaba njalo ke. 16  Waqhubeka uThixo wenza izikhanyiso ezimbini ezikhulu. Esona sikhulu sakhanyisa emini,+ esinye sakhanyisa ebusuku, waza wenza neenkwenkwezi.+ 17  Ngoko uThixo wazibeka esibhakabhakeni samazulu ukuze zikhanyise emhlabeni, 18  nokuze zikhanyise emini nasebusuku zize zahlule ukukhanya nobumnyama.+ UThixo wabona ukuba kulungile. 19  Kwahlwa, kwasa, yaba lusuku lwesine ke olo. 20  Emva koko uThixo wathi: “Amanzi makanyakazele izidalwa eziphilayo* yaye izidalwa ezibhabhayo mazibhabhe phezu komhlaba, esibhakabhakeni samazulu.”+ 21  UThixo wadala izidalwa ezikhulu zaselwandle nazo zonke izidalwa eziphilayo* ezihlala nezinyakazela emanzini ngokohlobo lwazo, nazo zonke izidalwa ezinamaphiko ezibhabhayo ngokohlobo lwazo. UThixo wabona ukuba kulungile. 22  UThixo wazisikelela wathi: “Qhamani, nande, nigcwale emanzini olwandle,+ nezidalwa ezibhabhayo mazibe ninzi emhlabeni.” 23  Kwahlwa, kwasa, yaba lusuku lwesihlanu ke olo. 24  Emva koko uThixo wathi: “Umhlaba mawuvelise izidalwa eziphilayo* ngokohlobo lwazo, izilwanyana zasekhaya, izilwanyana zasendle nezinye iintlobo zezilwanyana* ngokohlobo lwazo.”+ Kwaba njalo ke. 25  UThixo wenza izilwanyana zasendle ngokohlobo lwazo, izilwanyana zasekhaya ngokohlobo lwazo nazo zonke ezinye iintlobo zezilwanyana zomhlaba ngokohlobo lwazo. UThixo wabona ukuba kulungile. 26  Emva koko uThixo wathi: “Masenze+ umntu ngokomfanekiso wethu,+ ngokufana nathi,+ ibe makalawule iintlanzi zolwandle, iintaka ezisesibhakabhakeni, izilwanyana zasekhaya, alawule wonke umhlaba nazo zonke izilwanyana ezinambuzelayo ezihamba emhlabeni.”+ 27  UThixo wadala umntu ngokomfanekiso wakhe, wamdala ngokomfanekiso kaThixo; wadala indoda nomfazi.+ 28  Wabasikelela waza wathi kubo: “Qhamani, nande, nigcwalise umhlaba+ niwoyise,+ nize nilawule+ iintlanzi zolwandle, izidalwa ezibhabha emazulwini nazo zonke izidalwa eziphilayo ezihambahamba emhlabeni.” 29  Emva koko uThixo wathi: “Jongani, ndininike zonke izityalo ezivelisa imbewu emhlabeni wonke nayo yonke imithi eneziqhamo ezivelisa imbewu. Mazibe kukutya kwenu.+ 30  Zonke izilwanyana zasendle, zonke iintaka ezisesibhakabhakeni nazo zonke izinto ezihamba-hamba emhlabeni ezinobomi,* ndizinika bonke utyani obuluhlaza bube kukutya kwazo.”+ Kwaba njalo ke. 31  Emva koko uThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, yaye zazilunge gqitha.+ Kwahlwa, kwasa, yaba lusuku lwesithandathu ke olo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwamanzi ayaluzela ngamandla.”
Okanye “umoya kaThixo.”
Okanye “imiphefumlo ephilayo.”
Okanye “yonke imiphefumlo ephilayo.”
Okanye “imiphefumlo ephilayo.”
Kubonakala ukuba apha kubhekiselwa kwizilwanyana ezincinci, ezirhubuluzayo nezinambuzane.
Okanye “ezinobomi obungumphefumlo; umphefumlo ophilayo.”