Genesis 15:1-21

  • Isivumelwano sikaThixo noAbram (1-21)

    • Kuprofetwa ngeminyaka eyi-400 yengcinezelo (13)

    • UThixo uyasiphinda isithembiso asenze kuAbram (18-21)

15  Emva koku, kwafika ilizwi likaYehova kuAbram ngombono lisithi: “Ungoyiki+ Abram. Ndilikhaka lakho.+ Umvuzo wakho uza kuba mkhulu kakhulu.”+  UAbram waphendula wathi: “Nkosi EnguMongami Yehova uza kundinika ntoni, njengokuba ndingenabantwana nje yaye umntu oza kufumana indlu yam ibe lilifa lakhe, iyindoda yaseDamasko, uEliyezere?”+  UAbram waphinda wathi: “Awundinikanga nzala,*+ yaye sisicaka* sam esiza kuba yindlalifa yam.”  Kodwa uYehova wamphendula wathi: “Lo mntu akazukuba yindlalifa yakho, kodwa iza kuba ngunyana wakho kanye* indlalifa yakho.”+  Wamsa phandle wathi: “Ndicela ujonge phezulu emazulwini, uze ubale iinkwenkwezi, ukuba ungakwazi ukuzibala.” Emva koko wathi kuye: “Iza kuba ninzi ngolo hlobo inzala* yakho.”+  UAbram wakholwa kuYehova+ yaye uThixo wamjonga njengelungisa.+  UThixo waphinda wathi: “NdinguYehova owakukhupha eUre yamaKhaledi ukuze ndikunike eli lizwe libe lilifa lakho.”+  UAbram wathi: “Nkosi EnguMongami Yehova, ndiza kuqiniseka njani ukuba liza kuba lelam?”  UThixo wamphendula wathi: “Ndithathele ithokazi elineminyaka emithathu, imazi yebhokhwe eneminyaka emithathu, inkunzi yegusha eneminyaka emithathu, ihobe lasendle nentshontsho levukuthu.” 10  Wazithatha zonke ezo zinto, wazisika phakathi waza wabeka icala lajongana nelinye, kodwa iintaka akazange azisike. 11  Emva koko iintaka ezitya inyama zehla zeza kuloo nyama, kodwa uAbram wamane eziphekuza. 12  Kwathi ekutshoneni kwelanga uAbram wabiwa bubuthongo obunzulu, wafikelwa sisithokothoko sobumnyama esoyikisayo. 13  UThixo wathi kuAbram: “Qiniseka ukuba inzala* yakho iza kuba ngabantu basemzini kwilizwe elingelolayo, nokuba abantu balapho baza kuyenza amakhoboka baze bayicinezele kangangeminyaka eyi-400.+ 14  Kodwa ndiza kulugweba uhlanga abaza kuba ngamakhoboka alo,+ baze bona baphume nempahla eninzi.+ 15  Wena ke, uza kuya kookhokho bakho uxolile; uza kungcwatywa waluphele.+ 16  Kodwa isizukulwana sesine siza kubuyela apha,+ kuba isono sama-Amori asikapheleli.”+ 17  Kuthe kwakutshona ilanga, kukho nesithokothoko sobumnyama, kwathi gqi iziko elivuthayo, kwagqitha isikhuni somlilo phakathi kwaloo macala enyama. 18  Ngolo suku uYehova wenza isivumelwano+ noAbram esithi: “Eli lizwe+ ndiza kulinika inzala* yakho, ukusuka kumlambo waseYiputa ukuyokutsho kumlambo omkhulu, umlambo umEfrate:+ 19  ndiyinike ilizwe lamaKeni,+ lamaKenizi, lamaKadimon, 20  lamaHiti,+ lamaPerizi,+ lamaRefa,+ 21  lama-Amori, lamaKanan, lamaGirgashi nelamaYebhusi.”+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “mbewu.”
Ngokoqobo, “ngunyana.”
Ngokoqobo, “ngophuma ezibilinini zakho.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “imbewu.”