Genesis 26:1-35

  • UIsake noRebheka eGerare (1-11)

    • UIsake uchazelwa ngesithembiso sikaThixo (3-5)

  • Ingxabano ngamaqula (12-25)

  • UIsake wenza isivumelwano noAbhimeleki (26-33)

  • Abafazi ababini bakaEsawu abangamaHiti (34, 35)

26  Kwabakho indlala elizweni, ngaphandle kwale yokuqala yayikho ngemihla ka-Abraham,+ waza uIsake waya kuAbhimeleki ukumkani wamaFilisti, eGerare.  Emva koko uYehova wabonakala kuIsake waza wathi: “Sukuya eYiputa. Hlala elizweni endikubonisa lona.  Hlala njengomntu wasemzini kweli lizwe,+ ibe ndiza kuqhubeka ndinawe, ndikusikelele kuba ndiza kuwanika wena nenzala* yakho onke la mazwe.+ Ndiza kuyenza into endayifungayo kuAbraham+ utata wakho ndisithi:  ‘Ndiza kuyandisa inzala* yakho ibe njengeenkwenkwezi zamazulu,+ yaye ndiza kuwanika inzala* yakho onke la mazwe,+ ibe zonke iintlanga zomhlaba ziza kuzifumanela intsikelelo ngenzala* yakho,’+  kuba uAbraham walimamela ilizwi lam waza waqhubeka ezenza izinto endizifunayo, wayigcina imiyalelo yam, imimiselo yam, nemithetho yam.”+  UIsake waqhubeka ehlala eGerare.+  Xa amadoda aloo ndawo ayemane embuza ngomfazi wakhe, wayesithi: “Ngudadewethu.”+ Wayesoyika ukuthi “Ngumfazi wam” kuba wathi, “Amadoda ale ndawo asenokundibulala ngenxa kaRebheka,” kuba wayemhle, esithi ndijonge.+  Ekuhambeni kwexesha, uAbhimeleki ukumkani wamaFilisti, wayejonge efestileni, wabona uIsake ebonisa uRebheka umfazi wakhe indlela amthanda ngayo.*+  Ngoko nangoko uAbhimeleki wambiza uIsake, wathi: “Ngumfazi wakho lo! Bekutheni ukuze uthi, ‘Ngudadewethu’?” Wathi uIsake kuye: “Nditsho kuba bendisoyika ukufa ngenxa yakhe.”+ 10  Kodwa uAbhimeleki wathi: “Yintoni le usenze yona?+ Omnye waba bantu ebenokusuka nje alale nomfazi wakho, ube ke usizisele ityala!”+ 11  UAbhimeleki wayalela bonke abantu, esithi: “Nabani na ophatha le ndoda nomfazi wayo, uza kubulawa nakanjani!” 12  UIsake waqalisa ukutyala imbewu kwelo lizwe, yaye ngaloo nyaka wavuna ngokuphindaphindwe kayi-100, kuba uYehova wayemsikelela.+ 13  Le ndoda yaba sisityebi ibe yaqhubeka iphumelela de yaba sisityebi kakhulu. 14  Yaba nemihlambi yeegusha, imihlambi yeenkomo nezicaka ezininzi,+ aza amaFilisti aqalisa ukuyimonela. 15  Ngoko amaFilisti athatha umhlaba aza avala onke amaqula awayembiwe zizicaka zikatata wakhe uAbraham esaphila.+ 16  UAbhimeleki wathi kuIsake: “Mka endaweni yethu, kuba usuke waba namandla kakhulu kunathi.” 17  Ngoko uIsake wemka, wayokumisa inkampu kwintlambo yaseGerare,+ wahlala khona. 18  UIsake waphinda wawemba amaqula awayembiwe ngemihla ka-Abraham utata wakhe, kodwa aditywa ngamaFilisti emva kokufa kuka-Abraham,+ ibe waphinda wawabiza ngamagama awayethiywe ngutata wakhe.+ 19  Kuthe xa izicaka zikaIsake zisemba kuloo ntlambo, zafumana iqula lamanzi acocekileyo. 20  Abalusi baseGerare baxabana nabalusi bakaIsake, besithi: “La manzi ngawethu!” Ngoko wathi igama lelo qula yiEsek,* kuba baxabana naye. 21  Bemba elinye iqula, baza baphinda baxabana nangalo. Ngoko ke wathi igama lalo yiSitena.* 22  Kamva wayishiya loo ndawo waza wemba elinye iqula, kodwa abaxabananga ngalo. Ngoko wathi igama lalo yiRehobhoti,* wathi: “Kungenxa yokuba ngoku uYehova usinike indawo enkulu waza wasenza saqhama elizweni.”+ 23  Emva koko wenyuka waya eBher-shebha.+ 24  UYehova wabonakala kuIsake ngobo busuku, wathi: “NdinguThixo ka-Abraham+ utata wakho. Ungoyiki,+ kuba ndinawe, ndiza kukusikelela ndize ndiyenze iphindaphindeke inzala* yakho ngenxa ka-Abraham umkhonzi wam.”+ 25  UIsake wakha isibingelelo apho waza wabiza egameni likaYehova.+ Wayimisa kuloo ndawo intente yakhe,+ ibe izicaka zakhe zemba iqula apho. 26  Kamva uAbhimeleki weza kuIsake esuka eGerare noAhuzati umcebisi wakhe noFikoli intloko yomkhosi wakhe.+ 27  UIsake wathi kubo: “Nizokuthini kum, ekubeni nandicaphukelayo naza nandigxotha endaweni yenu?” 28  Bona bathi: “Sibone ngokucacileyo ukuba uYehova ebekunye nawe.+ Ngoko sithe, ‘Siyacela, makubekho isifungo sokuzibophelela phakathi kwethu nawe, yaye masenze isivumelwano nawe+ 29  sokuba awuzukwenza nto imbi kuthi, njengokuba nathi singakwenzakalisanga, ekubeni siye sakuphatha kakuhle ngokuthi sikukhulule ngoxolo. Ngoku usikelelwe nguYehova.’ ” 30  Emva koko wabenzela isidlo esikhulu baza batya, basela. 31  Bavuka ekuseni ngosuku olulandelayo baza bafungelana.+ Emva koko uIsake wabakhulula, bemka ngoxolo. 32  Ngaloo mini zafika izicaka zikaIsake zaza zamxelela ngequla ezazilembile,+ zathi kuye: “Siwafumene amanzi!” 33  Ngoko wathi igama lalo yiShibha. Yiloo nto igama leso sixeko liyiBher-shebha,+ kude kube namhlanje. 34  Uthe xa uEsawu eneminyaka eyi-40 wazithathela uYuditi intombi kaBheri umHiti, wamenza umfazi, wathatha noBhasemati intombi kaElon umHiti.+ 35  Aba bafazi bamzisela intlungu engathethekiyo* uIsake noRebheka.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “nembewu.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “ngembewu.”
Okanye “esanga.”
Ethetha ukuthi “Ukuxambulisana.”
Ethetha ukuthi “Isityholo.”
Ethetha ukuthi “Iindawo Ezinkulu.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “bawenza wakrakra umoya.”