Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Funda KwiLizwi LikaThixo

Ngaba Unako Ukuphila Ngonaphakade?

Ngaba Unako Ukuphila Ngonaphakade?

Eli nqaku libuza imibuzo ekusenokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.

1. Kutheni ubomi bethu bubonakala bubufutshane?

Amanye amafudo anokuphila iminyaka engama-150, ize eminye imithi iphile iminyaka engama-3 000. Kodwa bona abantu baphila ubomi obufutshane. Nangona kunjalo, ubomi bethu bunokuba nenjongo kunobo bofudo okanye umthi. UYehova uThixo wadala abantu ukuba bakwazi ukonwabela umculo, imidlalo, ukutya, bakwazi ukufunda, ukukhenketha nokunxulumana nabanye abantu. UThixo wafaka ezintliziyweni zethu umnqweno wokuphila ngonaphakade.—Funda iNtshumayeli 3:11.

2. Ngaba ngokwenene sinokuphila ngonaphakade?

UYehova uphila ngonaphakade, akafi. Nguye uMthombo wobomi, ngenxa yoko unako ukusinika ubomi obungunaphakade. (INdumiso 36:9; Habhakuki 1:12) Ngaphezu koko, ubathembisa ukubanika ubomi obungunaphakade abo bamthobelayo. Uza kuphelisa ukwaluphala.—Funda uYobhi 33:24, 25; Isaya 25:8; 33:24.

Ngemimangaliso awayenzayo uYesu, wabonisa ngokucacileyo ukuba singakholosa ngesithembiso sikaThixo sokuphila ubomi obungunaphakade siyimiqabaqaba. UYesu waphilisa izifo ezininzi wade wavusa nabantu abafileyo.—Funda uLuka 7:11-15, 18, 19, 22.

 3. Buya kuqalisa nini ubomi obungunaphakade?

UThixo ufuna siphile ngonaphakade, kungekhona kwihlabathi elizaliswe yingcinezelo nobundlobongela, kodwa kumhlaba oyiparadesi. Ufuna sizive sinqabisekile. (INdumiso 37:9, 29; Isaya 65:21, 22) Xa umhlaba usiba yiParadesi, izigidi zabantu ezafayo ziya kuvuswa. Abantu abavusiweyo, abakhetha ukunqula uThixo baze bamthobele baya kuphila ngonaphakade.—Funda uLuka 23:42, 43; Yohane 5:28, 29.

4. Sinokubufumana njani ubomi obungunaphakade?

Ukwenza umgudu ukuze wazi uThixo kuyinto efanelekileyo

NguThixo kuphela onokusinika ubomi obungenasiphelo. Senza kakuhle xa sisondela kuye ngokuthi simazi. IBhayibhile ifanisa ukungenisa ulwazi ngoThixo nokutya. (Mateyu 4:4) Kumnandi ukutya, kodwa ukukupheka kufuna umgudu. Ngokufanayo, ukufunda ngoThixo kufuna umgudu. Ngaba ikho enye into ebaluleke ngaphezu kokusondela kuThixo uze ufumane ubomi obungunaphakade?—Funda uLuka 13:23, 24; Yohane 6:27; 17:3.