Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Urhwaphilizo—Luxhaphake Kangakanani?

Urhwaphilizo—Luxhaphake Kangakanani?

“Inkampani yethu isebenzela urhulumente. Kuye kufuneke silinde iinyanga ezimbini okanye ezintathu ngaphambi kokuba sifumane intlawulo ngomsebenzi esiwenzileyo. Noko ke, kutsha nje ndikhe ndafowunelwa ngumntu osebenza kwarhulumente. Uthe unokwenza sihlawuleke ngokukhawuleza ukuba nje sinokumfumbathisa.”—USAKHE. *

NGABA ukhe walixhoba lorhwaphilizo? Mhlawumbi wena awuzange ucelwe ukuba unyobe, kodwa kusenokwenzeka ukuba ukhe walixhoba lorhwaphilizo.

Ngokwengxelo yombutho iTransparency International ka 2011 yoluhlu lamazwe ali 183 ekwahlolwa kuwo uRhwaphilizo, ithi “uninzi kulawo ahloliweyo, aye afumana amanqaku angaphantsi kwamahlanu (lawo nganorhwaphilizo olugqithisileyo) ngoxa lawo afumane amanqaku ali-10 (eqhuba kakuhle).” * Kwingxelo yawo yonyaka ka-2009 kwalo mbutho, wathi: “Kucacile ukuba alikho ilizwe elingenalo urhwaphilizo.”

“Urhwaphilizo kukusebenzisa kakubi igunya ukuze kuzuze wena ufumane okuthile. Luxhwalekisa bonke abantu ababomi okanye ukonwaba kwabo kuxhomekeke ekunyanisekeni kwabantu abasegunyeni.”​—TRANSPARENCY INTERNATIONAL

Kwezinye iimeko imiphumo yorhwaphilizo inokuba yintlekele. Ngokomzekelo, iphephancwadi iTimes lathi “urhwaphilizo nokungakhathali” kwaye kwafak’ isandla ekubhubheni kwabantu abaninzi eHaiti xa yantlithwa yinyikima enkulu  ngo-2010. Eli phephancwadi lolek’ umsundulo lithi: “Izakhiwo azibikho mgangathweni kuba amagosa karhulumente afanele azihlole ayafunjathiswa.”

Ngaba sikho isicombululo sokuphelisa urhwaphilizo ngonaphakade? Ukuze sikwazi ukuphendula lo mbuzo, kufuneka siqonde oyena nobangela worhwaphilizo. Lo mba uyaxovulwa kwinqaku elilandelayo.

^ isiqe. 2 Igama litshintshiwe.

^ isiqe. 4 Umbutho iTransparancy International “udwelisa amazwe ngokomlinganiselo worhwaphilizo kumasebe karhulumente.”