Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Unokonwaba njani emtshatweni?

Amacebiso aseBhayibhileni ngendlela onokonwaba ngayo emtshatweni ayasebenza kuba avela kuMsunguli womtshato, uYehova uThixo. Isinceda sibe neempawu ezinokusenza sonwabe emtshatweni, ize isilumkise ngezo zinokuwukuchitha. Isifundisa indlela yokuthetha nenokubangela ukuba sonwabe ngakumbi emtshatweni.Funda amaKolose 3:8-10, 12-14.

Umyeni nenkosikazi kufuneka bahloniphane. Xa ngamnye esenza indima ayinikwe nguThixo emtshatweni, banokonwaba.Funda amaKolose 3:18, 19.

Yintoni eyenza umtshato ungaqhawuki?

Abantu abatshatileyo banokuhlala kunye ukuba bayathandana. UThixo usifundisa ukuba nothando. Yena noNyana wakhe, uYesu, bangumzekelo omhle ekuboniseni uthando lokuzincama.Funda eyoku-1 kaYohane 4: 7, 8, 19.

Xa umyeni nenkosikazi belihlonipha ilungiselelo likaThixo lomtshato, abayi kwahlukana. UThixo wawenza umtshato ngenjongo yokuba umanyanise indoda nomfazi ngonaphakade ukuze iintsapho zihlale kunye zikhuselekile. Umtshato awunakuqhawuka kuba uThixo wadala indoda nebhinqa ngohlobo lokuba bancedisane kuyo yonke into abayenzayo. Wabenza ngokufana naye, ukuze babe nothando njengaye.Funda iGenesis 1:27; 2:18, 24.