Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Kwakutheni ukuze abenzi-bubi xa bebulawa bophulwe imilenze?

Ngokuphathelele ukubulawa kukaYesu nabenzi-bubi ababini, ingxelo yeVangeli ithi, ‘AmaYuda acela kuPilato ukuba imilenze yabo yaphulwe ize imizimba leyo isuswe.’​—Yohane 19:31.

Umthetho wamaYuda wawusithi umzimba womenzi-bubi oxhonywe kwisibonda sentuthumbo ‘mawungahlali ubusuku bonke esibondeni.’ (Duteronomi 21:22, 23) AmaYuda awusebenzisa lo mthetho nakwabo babexhonywa esibondeni ngamaRoma. Ukophulwa kwemilenze yomntu kwakuza kumenza afe ngokukhawuleza aze angcwatywe ngaphambi kokuqala kweSabatha lingekatshoni ilanga.

Xa exhonywa umntu, wayebethelelwa esibondeni ngezikhonkwane ezazimgqobhoza izandla neenyawo. Xa siphakanyiswa isibonda, wayesiva iintlungu njengoko umzimba wakhe wonke ujinga kwezo zikhonkwane. Ukuze akwazi ukuphefumla, kwakufuneka olule amadolo ukuze anyuse umzimba wakhe. Kodwa xa amathambo emilenze yakhe ophuliwe, kwakungayi kwenzeka konke oku. Wayeza kufa ngokukhawuleza ngenxa yokungakwazi ukuphefumla okanye ngenxa yokothuka.

Zazisetyenziswa njani izilingi kwiimfazwe zamandulo?

UDavide wasebenzisa isilingi ukubulala uGoliyati. Kuyacaca ukuba uDavide wafunda ukusisebenzisa esi sixhobo ngexesha wayengumalusi.​—1 Samuweli 17:40-50.

Umkrolo wama-Asiriya ephethe izilingi ehlasela isixeko sakwaYuda esomeleleyo

Zikho izilingi kwimizobo yaseYiputa neyaseAsiriya yamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Esi sixhobo sinesingxobo esenziwe ngesikhumba okanye ilaphu elixokonyezelwe kwimicu yakhona emibini. Umntu osebenzisa isilingi wayefaka ilitye elincinane eligudileyo elinobunzima obuyi-250 gram. Ngoko wayejiwuzisa isilingi eso phezu kwentloko yakhe ukuze kuphume ilitye ngesantya esiphezulu lize lingqale ngqo.

Ukwembiwa kwezinto zakudala kuMbindi-Mpuma kwenze kwavela izilingi ezininzi ezazisetyenziswa mandulo. Oochwepheshe bemfazwe basenokuba babejukujela amatye ngesilingi ngesantya seekhilomitha eziyi-160 ukuya kweziyi-240 ngeyure. Abaphandi bayaphikisana ngento yokuba isilingi sasinobungozi njengotolo, kodwa isilingi sasibulala kanye njengotolo.​—ABagwebi 20:16.