Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Kutheni simele sithandazele ukuba bufike uBukumkani bukaThixo?

Ngaba ufuna ukufunda ngakumbi ngoBukumkani bukaThixo kunye noko buza kukwenza?

UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini. UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bathandazele ukufika kwabo kuba buza kubuyisela ubulungisa noxolo emhlabeni. Akakho urhulumente wabantu onokuphelisa ugonyamelo, umkhethe, okanye izifo; buBukumkani bukaThixo kuphela obunako. UThixo unyule uNyana wakhe uYesu, ukuba abe nguKumkani eBukumkanini bakhe. Kwakhona uYehova uye wanyula iqela labalandeli bakaYesu ukuba lilawule kunye naye eBukumkanini.—Funda uLuka 11:2; 22:28-30.

Kungekudala, uBukumkani bukaThixo buza kutshabalalisa bonke abantu abaluchasayo ulawulo lukaThixo. Ngoko xa sithandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike, sicela ukuba urhulumente kaThixo athabath’ indawo yabo bonke oorhulumente babantu.—Funda uDaniyeli 7:13, 14; ISityhilelo 11:15, 18.

Kutheni uBukumkani bukaThixo bubalulekile nje ebantwini?

UYesu uyafaneleka njengoKumkani kuba unovelwano. Njengoko enguNyana kaThixo, ukwanamandla okunceda bonke abo bakhala kuThixo becela uncedo.—Funda iNdumiso 72:8, 12-14.

UBukumkani bukaThixo buya kubanceda bonke abo babuthandazela ngokunyanisekileyo nabaphila ngokuvumelana nokuthanda kukaThixo. Akusayi kuze uzisole ukuba ufunda oko kuthethwa yiBhayibhile ngoBukumkani bukaThixo.—Funda uLuka 18:16, 17; Yohane 4:23.