Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Lithetha ukuthini igama elithi “ithenwa” elisetyenziswe eBhayibhileni?

Iinkcukhacha ngokukhululwa kwethenwa eAsiriya

Maxa wambi, eli gama liye libhekisele kwindoda etheniweyo. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, amanye amadoda ayethenwa kuba esohlwaywa, ethinjwe emfazweni okanye engamakhoboka. Amathenwa athenjiweyo ayedla ngokuphatha izindlu zabafazi zasebukhosini. Ngokomzekelo, amathenwa uHegayi noShahashegazi babe gada abafazi namashweshwe kaKumkani uAhaswerosi wasePersi, ekusenokwenzeka ukuba wayenguArtashashta I.—Estere 2:3, 14.

Noko ke, ayengathenwanga onke amathenwa ekuthethwa ngawo eBhayibhileni. Abanye abaphengululi bathi eli gama laliye libhekisele nakwigosa elisebenzela ukumkani. Kumele ukuba kwakunjalo kuEbhedi-meleki, umhlobo kaYeremiya, nakumTiyopiya elingachazwanga igama lakhe owayeshumayela kuye uFilipu. Kuyabonakala ukuba uEbhedi-meleki wayeligosa eliphezulu kuba wayekwazi ukuthetha ngqo noKumkani uZedekiya. (Yeremiya 38:7, 8) Yena umTiyopiya kuthiwa wayengunondyebo ‘owayeze kunqula eYerusalem.’—IZenzo 8:27.

Sasiyintoni isizathu sokuba abalusi baseBhayibhileni bahlule izimvu ezibhokhweni?

Xa wayechaza umgwebo wexesha elizayo, uYesu wathi: “Xa uNyana womntu efika esebuqaqawulini bakhe, . . . abahlule abantu omnye komnye, kanye njengokuba umalusi esahlula izimvu ezibhokhweni.” (Mateyu 25:31, 32) Kwakutheni ukuze abalusi bazahlule ezi zilwanyana?

Ngokuqhelekileyo, izimvu neebhokhwe zazisoluswa zize zitye kunye edlelweni. Ebusuku zazivalelwa esibayeni ukuze zikhuselwe kwizilwanyana zasendle, kumasela nakwingqele. (Genesis 30:32, 33; 31:38-40) Ezi zilwanyana zazivalelwa kwizibaya ezahlukeneyo ukuze kukhuselwe izimvu ezilulamileyo, ingakumbi iimazi kunye namatakane, zikhuselwa kwiibhokhwe ezindlongondlongo. Incwadi ethi All Things in the Bible ithi abalusi babeye bazahlule ezi zilwanyana xa “zikhwela, zisengwa naxa zichetywa.” Oku kubonisa ukuba uYesu wayesenza imizekelo eqhelekileyo kubaphulaphuli bakhe, kumaSirayeli amandulo awayesalusa.