Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Inyaniso YeBhayibhile Yandinika Iimpendulo Ezanelisayo

Inyaniso YeBhayibhile Yandinika Iimpendulo Ezanelisayo
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1987

  • ILIZWE: AZERBAIJAN

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: UTATA WAYENGUMSILAMSI UMAMA ENGUMYUDAKAZI

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO:

Ndazalelwa eBaku, eAzerbaijan, ndinguntondo kubantwana ababini. Utata wayengumSilamsi, umama engumYudakazi. Abazali bam babethandana ibe babephilisana kakuhle nangona beneenkolelo ezahlukeneyo. UMama wayemxhasa uTata xa ezile ukutya ngexesha leRamadan, noTata emxhasa uMama xa ebhiyozela iPasika. Ekhaya kwakukho iKoran, iTorah neBhayibhile.

Ndandizigqala ndingumSilamsi. Nangona ndandingabuthandabuzi ubukho bukaThixo, kwakukho izinto endandingaziqondi. Ndandizibuza ukuba, ‘Kwakutheni ukuze uThixo adale abantu yaye kumnceda ngantoni umntu ukuphila kabuhlungu ubomi bakhe bonke kanti ekugqibeleni uza kuthuthunjiswa esihogweni?’ Ekubeni abantu babesithi yonke into eyenzekayo yintando kaThixo, ndandizibuza ukuba ‘Ngaba uThixo ufaka abantu ezingxakini aze onwatyiswe kukubabona besokola?’

Xa ndandineminyaka eyi-12, ndaqalisa ukucengceleza imithandazo emihlanu yamaSilamsi yemihla ngemihla, ebizwa ngokuba yinamaz. Malunga nelo xesha, utata wasisa kwisikolo samaYuda. Ezinye zezinto esasizifundiswa ngamasiko akwiTorah kunye nolwimi lwesiHebhere. Ngaphambi kokuba siqale ukufunda esikolweni, kwakufuneka sicengceleze imithandazo yamaYuda. Ngenxa yoko, ekuseni ndandisenza inamaz ekhaya, ndize esikolweni ndenze imithandazo yamaYuda.

Ndandinqwenela ukufumana iimpendulo zemibuzo endandinayo. Ndandisoloko ndibuza abefundisi esikolweni: “UThixo wabadalela ntoni abantu? Umjonga njani utata wam ekubeni engumSilamsi? Ungumntu olungileyo, kutheni ke kusithiwa yinqambi? Kwakutheni ukuze uThixo amdale?” Iimpendulo ezimbalwa endazifumanayo zazingekho ngqiqweni ibe zazingandanelisi.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Ndayeka ukukholelwa kuThixo ngo-2002. Sasineveki nje enye kuphela sifudukele eJamani xa utata wahlaselwa sistroke waza wafa isiqaqa. Kangangeminyaka ndandithandazela impilo nolonwabo lwentsapho yasekhaya. Ndiqinisekile ukuba uSomandla nguye yedwa onamandla phezu kobomi nokufa, ndandimthandazela rhoqo utata. Ndandicinga ukuba, ‘yinto elula kuThixo ukuva imithandazo yentombazanana.’ Ndandiqinisekile ukuba uya kuzamkela izicelo zam. Kodwa utata wasweleka.

Ndothuswa kukungavakalelwa kukaThixo, ndakhathazeka kakhulu. Ndaqiqa ngelithi, ‘Andithandazi kakuhle okanye uThixo akakho.’ Ndandididekile, ndingasakwazi nokucengceleza inamaz. Ezinye iinkonzo ndandingaziqondi kakuhle, ngenxa yoko ndagqiba ekubeni akakho uThixo.

Kwiinyanga ezintandathu kamva, kwafika amaNgqina kaYehova ekhaya. Ekubeni sasingakholelwa kubuKristu, mna nodadewethu sazama ukuwabonisa iimpazamo zawo. Sawabuza ukuba: “Kutheni amaKristu enqula uYesu, umnqamlezo, uMariya nezinye izithixo kodwa oko kunxamnye neMithetho Elishumi?” Esebenzisa iZibhalo, la maNgqina asibonisa ubungqina bokuba ukunqula izithixo akwamkelekanga kumaKristu okwenyaniso yaye abantu bafanele bathandaze kuThixo. Oku kwandothusa ngeyona ndlela.

Saphinda sawabuza: “Kuthekani ngoThixo Oneziqu Ezithathu? Ukuba uYesu nguThixo, kwenzeka njani ukuba aphile emhlabeni aze abulawe ngabantu?” Aphinda aphendula esebenzisa iBhayibhile aze abonisa ukuba uYesu akanguye ibe akalingani noThixo. La maNgqina acacisa ukuba ngenxa yesi sizathu, awakholelwa kwimfundiso yoThixo Oneziqu Ezithathu. Ndothuka ibe ndacinga ukuba, ‘la ngamaKristu angaqhelekanga.’

Sekunjalo, ndandisafuna ukwazi ukuba kutheni abantu besifa nokuba kutheni uThixo evumela abantu behlelwe zizinto ezibuhlungu. AmaNgqina andibonisa incwadi ethi, Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, * eyayinezahluko eziphendula imibuzo yam. Aqalisa ukundifundela iBhayibhile.

Kwisifundo ngasinye, ndandifumana iimpendulo ezicacileyo ezisekelwe eBhayibhileni zemibuzo yam. Ndafunda ukuba igama likaThixo nguYehova. (INdumiso 83:18) Olona phawu lwakhe lubalaseleyo luthando. (1 Yohane 4:8) Wadala abantu kuba efuna ukubanika isipho sobomi. Ndaye ndaqonda ukuba nangona uThixo evumela ukungabikho kobulungisa, uyakucekisa ibe kungekudala uza kukuphelisa ngonaphakade. Ndafunda nokuba ukuvukela kuka-Adam noEva kwabazisela iintlungu abantu. (Roma 5:12) Eminye yemiphumo ebuhlungu kukufelwa ngabantu esibathandayo, njengotata. Noko ke, uThixo uza kuziphelisa ezi ntlungu kwihlabathi elitsha elizayo, apho abantu abafileyo baya kubuyela ebomini.—IZenzo 24:15.

Inyaniso yeBhayibhile yandinika iimpendulo ezanelisayo. Ndaphinda ndakholelwa kuThixo. Njengoko ndandisiya ndiwazi ngakumbi amaNgqina kaYehova, ndaqonda ukuba angabazalwana abasehlabathini lonke. Ndandiluthanda umanyano nothando oluphakathi kwawo. (Yohane 13:34, 35) Izinto endandizifunda ngoYehova zandenza ndafuna ukumkhonza, ngenxa yoko ndagqiba ekubeni ndibe liNgqina likaYehova. Ndabhaptizwa ngoJanuwari 8, 2005.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

Iimfundiso zeBhayibhile ezicacileyo zandenza ndatshintsha indlela endibujonga ngayo ubomi. Iingcaciso ezivakalayo endizifumene eLizwini likaThixo zindinika ulwaneliseko. Kuyandivuyisa kuze kundithuthuzele ukucinga ngethemba lokubona utata kwakhona kuvuko ekuthethwa ngalo eLizwini likaThixo.—Yohane 5:28, 29.

Ndineminyaka emithandathu nditshatile noJonathan, umyeni wam owoyika uThixo. Sifunde ukuba inyaniso ngoThixo icacile ibe kulula ukuyiqonda, kodwa kwangaxesha-nye ixabiseke gqitha. Ngenxa yoko siyakuthanda ukuchazela abanye ngokholo nethemba esinalo. Ngoku ndiyazi ukuba amaNgqina kaYehova ayingomaKristu ‘angaqhelekanga,’ kodwa ngawokwenyaniso.

^ isiqe. 15 Yayipapashwa ngamaNgqina kaYehova kodwa ngoku ayisaprintwa.