Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UTHIXO UYIJONGA NJANI IMFAZWE?

Imbono KaThixo Ngemfazwe Kumaxesha Amandulo

Imbono KaThixo Ngemfazwe Kumaxesha Amandulo

Xa abantu babecinezelwe, bathandaza kuThixo becela isiqabu, kodwa abazange basifumane kwangoko. Aba bantu babecinezelwe yayingamaSirayeli, abantu bakaThixo bamandulo. Umcinezeli yayiluhlanga lwaseYiputa olunamandla. (Eksodus 1:13, 14) Kangangeminyaka, amaSirayeli ayelindele ukuba uThixo awahlangule kwingcinezelo yamaYiputa. Ekugqibeleni, lade lafika ixesha lokuba uThixo awancede. (Eksodus 3:7-10) IBhayibhile ithi uThixo walwa namaYiputa. Wawabetha ngothotho lwezibetho, waza wamtshabalalisa ukumkani waseYiputa nomkhosi wakhe kuLwandle Olubomvu. (INdumiso 136:15) UYehova uThixo waba “yindoda enamandla” elwela abantu bayo.—Eksodus 15:3, 4.

Ekubeni inguThixo ngenkqu owalwa namaYiputa, kuyacaca ukuba akazichasanga zonke iimfazwe. Ngeso sihlandlo, wagunyazisa abantu bakhe amaSirayeli ukuba alwe iimfazwe. Ngokomzekelo, wawayalela ukuba alwe namaKanan, awayengendawo ngokugqithiseleyo. (Duteronomi 9:5; 20:17, 18) Wayalela noKumkani uDavide wamaSirayeli ukuba alwe namaFilisiti awayewacinezela. UThixo wade wamchazela nendlela amakalwe ngayo uDavide.—2 Samuweli 5:17-25.

Ezo ngxelo zeBhayibhile zibonisa ukuba uThixo wayevuma ukuba amaSirayeli alwe imfazwe xa ecinezelwe okanye esesichengeni, ukuze azikhusele kuze kulondolozwe nonqulo olunyulu. Khawuqwalasele ezi ngongoma zintathu malunga neemfazwe ezigunyaziswe nguThixo:

  1. NGUTHIXO OWAYEGQIBA UKUBA NGUBANI OZA KULWA IMFAZWE. Ngesinye isihlandlo, uThixo waxelela amaSirayeli ukuba: “Akukho mfuneko yakulwa ngesi sihlandlo.” Sasiyintoni isizathu? UThixo wayeza kuwalwela. (2 Kronike 20:17; 32:7, 8) Wawalwela izihlandlo eziliqela, kuquka nezo sesithethe ngazo ekuqaleni kweli nqaku. Ngezinye izihlandlo, uThixo wayeyalela abantu bakhe bamandulo amaSirayeli ukuba alwe iimfazwe ezithile ukuze akhusele iLizwe Lesithembiso.—Duteronomi 7:1, 2; Yoshuwa 10:40.

  2. YAYISIBA NGUTHIXO NGENKQU OGQIBAYO NGEXESHA LOKULWA. Abakhonzi bakaThixo kwakufuneka balinde ngomonde de ibe lixesha elifanelekileyo lokulwa ingcinezelo nobungendawo. Babengafanele balwe de ibe lelo xesha. Xa besilwa ngenkani uThixo wayengakholiswa. IBhayibhile ibonisa ukuba xa amaSirayeli ayesilwa imfazwe awayengayigunyazisanga, yayisoloko iphumela kwintlekele. *

  3. Nangona uThixo walwa imfazwe namaKanan, amanye wawasindisa, njengoRahabhi nentsapho yakhe

    UTHIXO AKAKUTHANDI UKUFA KWABANTU, KWANABANGENDAWO. UYehova uThixo nguMthombo wobomi noMdali woluntu. (INdumiso 36:9) Ngenxa yoko, akakuthandi ukufa kwabantu. Okubuhlungu kukuba, kukho abantu abaqulunqa amayelenqe ukuze bacinezele abanye okanye bababulale. (INdumiso 37:12, 14) Ukuze athintele obo bungendawo, maxa wambi uThixo wayalela ukuba kuliwe nabangendawo. Nakuba kunjalo, kuzo zonke ezo mfazwe, ‘wayenenceba, ezeka umsindo’ kwabo babecinezela amaSirayeli. (INdumiso 86:15) Ngokomzekelo ngaphambi kokuba amaSirayeli alwe nesixeko, kwakufuneka ‘amemeze uxolo kuso,’ ukuze anike abantu ithuba lokuba batshintshe iindlela zabo baze bathintele imfazwe. (Duteronomi 20:10-13) Ngale ndlela, uThixo wabonisa ukuba ‘akayoliswa kukufa kongendawo, kodwa kukuba ongendawo abuye endleleni yakhe aze okunene ahlale ephila.’—Hezekile 33:11, 14-16. *

Ngoku siyabona ukuba kwamhlamnene, uThixo wayeyijonga imfazwe njengendlela efanelekileyo yokuphelisa iintlobo ngeentlobo zengcinezelo nobungendawo. YayinguThixo kungekhona abantu owayegqiba ukuba iza kuliwa nini yaye ngubani imfazwe. Ngaba uThixo wayesilwa iimfazwe kuba enxanelwe igazi? Akunjalo. Ubuthiyile ubundlobongela. (INdumiso 11:5) Ngaba imbono kaThixo ngemfazwe yatshintsha xa uNyana wakhe, uYesu Kristu, wayeshumayela apha emhlabeni?

^ isiqe. 7 Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo amaSirayeli oyiswa xa ayesilwa nama-Amaleki namaKanan emva kokuba uThixo wayethe angalwi. (Numeri 14:41-45) Kwiminyaka emininzi kamva, ukumkani othembekileyo uYosiya walwa idabi awayengalixhasi uThixo, esi senzo sasuba ubomi bakhe.—2 Kronike 35:20-24.

^ isiqe. 8 AmaSirayeli akazange amemeze uxolo ngaphambi kokuba alwe namaKanan. Kwakutheni? Kaloku, amaKanan ayenikwe iminyaka eyi-400 ukuze alungise iindlela zawo ezingendawo. Ngexesha amaSirayeli ayesilwa nawo, ayesele onakele gqitha. (Genesis 15:13-16) Ngenxa yoko, ayeza kusitshulwa neengcambu. Noko ke, amanye amaKanan atshintsha iindlela zawo aza asinda.—Yoshuwa 6:25; 9:3-27.