Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INXALENYE 3

Ukukhubeka—Xa ‘Sinesizathu Sokukhalaza’

Ukukhubeka—Xa ‘Sinesizathu Sokukhalaza’

“Omnye udade ebandleni wandityhola ngokuba imali yakhe. Nabanye ebandleni bayiva loo nto baza bathath’ icala. Ekugqibeleni, lo dade wandixelela ukuba uve izinto ezibonisa ukuba andinatyala. Nangona wacela uxolo, ndaziva ndingenakukwazi ukumxolela ngento andenze yona.”—ULinda.

NGABA ufana noLinda, owayekhubeke nyhani yinto awayenziwa ngomnye umKristu? Okubuhlungu kukuba, abanye baye baphazamiseka kakhulu zizinto ezenziwa ngabanye de oko kwachaphazela nezinto abazenzela uYehova. Ngaba kuye kwanjalo nakuwe?

Ngaba Ukho Umntu ‘Onokusahlula Eluthandweni LukaThixo’?

Kuyavunywa ukuba kusenokuba nzima kakhulu ukuxolela omnye umKristu osenzele intliziyo ebuhlungu. Kodwa kuyo yonke loo nto, amaKristu afanele athandane. (Yohane 13:34, 35) Ukuba soniwe ngomnye umKristu, ukuphoxeka nentlungu kunokusonakalisa.—INdumiso 55:12.

Ewe, iBhayibhile iyavuma ukuba ngamaxesha athile amaKristu asenokunikana ‘isizathu sokukhalaza.’ (Kolose 3:13) Sekunjalo, xa loo nto isenzeka kuthi, kusenokuba nzima ukumelana nayo. Ngaba ikho into enokusinceda? Khawuqwalasele le migaqo mithathu yeZibhalo:

UBawo wethu osezulwini wazi yonke into. UYehova uyakubona konke okwenzekayo, kuquka nayiphi na into engenabulungisa eyenziwa kuthi kunye neentlungu ezibangelwa koko. (Hebhere 4:13) Ngaphezu koko, uYehova uyavelana nathi xa sisentlungwini. (Isaya 63:9) Akasoze avumele ‘imbandezelo okanye inkxwaleko’ okanye nayiphi na enye into—nkqu nomkhonzi wakhe—ukuba ‘asahlule eluthandweni lwakhe.’ (Roma 8:35, 38, 39) Ngaba oku akubangeli ukuba nathi sibe njalo, singavumeli nanye into okanye umntu asahlule kuYehova?

Ukuxolela asikokuqwabaz’ iliso. Xa sibaxolela abo basonileyo, akuthethi kuthi sithi incinci, ilungile, siyayithethelela okanye asiyihoyanga into abasenze yona. Khumbula, uYehova akaze akholiswe sisono, kodwa uyasixolela xa kukho isizathu sokuxolela. (INdumiso 103:12, 13; Habhakuki 1:13) Xa esikhuthaza ukuba sibaxolele abanye, ufuna ukuba simxelise. ‘Akahlali ecaphukile ukusa kwixesha elingenammiselo.’—INdumiso 103:9; Mateyu 6:14.

Xa singafukami inzondo, siyazinceda. Njani? Khawube nalo mfanekiso-ngqondweni. Uchola ilitye, mhlawumbi elingekho nzima kangako, uze uliphakamise, wolule ingalo. Awunakuba nangxaki xa uliphakamisa ixesha nje elincinane. Kodwa kuza kwenzeka ntoni xa uzama ukuliphakamisa ixesha elidana? Ingalixesha elingakanani bethu—ingayimizuzu ethile? iyure? okanye ngaphezulu? Ngokuqinisekileyo ingalo yakho ingadinwa kakhulu! Ewe kona, ubunzima belitye abuzi kutshintsha. Kodwa emva kwexesha uliphakamisile, liya kukusinda. Kunjalo ke nangokuba nenzondo. Xa sisoloko sifukam’ ingqumbo—nangento encinane le—siyazigulisa. Ayimangalisi ke into yokuba uYehova esikhuthaza ukuba singafukami inzondo. Xa sitheth’ inyani, ukungafukami inzondo kuyingenelo kuthi.—IMizekeliso 11:17.

Xa siyeka ukucaphuka, siyazinceda

“Ndandisiva Ngathi UYehova Uthetha Nam”

Yintoni eyanceda uLinda akafukama nzondo ngenxa yento awayenziwa ngomnye umKristu? Enye yazo, wacamngca ngezizathu zokuxolela ezikwiZibhalo. (INdumiso 130:3, 4) Eyona nto yambangela ukuba angafukami nzondo kukwazi ukuba noYehova uya kusixolela. (Efese 4: 32–5:2) Xa echaza indlela awamchaphazela ngayo loo mazwi, uthi: “Ndandisiva ngathi uYehova uthetha nam.”

Ekuhambeni kwexesha, yaphela inzondo kuLinda. Wamxolela ngokukhululekileyo la dade, ibe sithetha nje loo dade ungumhlobo wakhe osenyongweni. ULinda uyaqhubeka ekhonza uYehova. Qiniseka ukuba uYehova ufuna wenjenjalo nawe.