Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 23

Isizathu Sokuba Abantu Bagule

Isizathu Sokuba Abantu Bagule

NGABA kukho umntu omaziyo ogulayo?— Mhlawumbi nawe ukhe ugule maxa wambi. Usenokuba nomkhuhlane, okanye isisu esibuhlungu. Abanye abantu bagula kakhulu. Basenokungakwazi ukuphakama ngaphandle kokuncedwa ngomnye umntu. Oku kudla ngokwenzeka xa abantu besaluphala.

Maxa wambi wonke umntu ukhe agule. Ngaba uyasazi isizathu sokuba abantu bagule, baluphale, baze bafe?— Ngenye imini kwaziswa kuYesu indoda engakwazi kuhamba, waza uYesu wabonisa isizathu sokuba abantu bagule baze bafe. Makhe ndikubalisele ngoku.

UYesu wayehleli kwindlu eyayikwidolophu ekufuphi noLwandle lwaseGalili. Kwafika isihlwele sabantu size kumbona. Kweza abantu abaninzi kangangokuba kwakungasekho ndawo yakungena kuloo ndlu. Kwakungekho nomnye okwaziyo nokufika emnyango. Sekunjalo, kweza abantu abangakumbi! Abanye abantu beza nendoda efe umzimba eyayingakwazi nokuhamba. Yayithwelwe ngamadoda amane ngebhedi encinane, okanye ukhuko.

Ngaba uyasazi isizathu sokuba azise le ndoda igulayo kuYesu?— Ayenokholo lokuba uYesu wayenokuyinceda. Ayekholelwa ukuba uYesu wayenako ukuyiphilisa kweso sigulo sayo. Ngaba uyayazi indlela awayisa ngayo kuYesu loo ndoda yayife umzimba nakubeni indlu yayizele ngabantu?—

Lo mfanekiso uwubona apha ubonisa kanye indlela akwenza ngayo oko. Okokuqala, ayithwala loo ndoda ayisa eluphahleni. Yayiluphahla olusicaba. Ngoko, avula umngxuma omkhulu kulo. Ekugqibeleni, ayihlisa loo ndoda igulayo ngokhuko lwayo kuloo mngxuma aza ayingenisa kuloo ndlu. Hayi indlela olwalomelele ngayo ukholo lwawo!

Bonke abantu ababekuloo ndlu bamangaliswa koko kwakusenzeka. Loo ndoda yayife umzimba yehlela kanye phakathi kwabo. Ngaba uYesu wacatshukiswa yinto eyenziwa ngaloo madoda?— Akunjalo! Wavuyiswa kukubona ukuba ayenokholo. Wathi kuloo ndoda yayife umzimba: “Izono zakho zixolelwe.”

Yintoni uYesu awayixelela le ndoda ife umzimba?

Abanye abantu babecinga ukuba akufanelekanga ukuba uYesu athethe loo mazwi. Babengacingi ukuba wayenako ukuxolela izono. Ngoko ukubonisa ukuba ngokwenene wayenako, uYesu wathi kuloo ndoda: “Sukuma, thabatha ukhuko lwakho, uhambe ugoduke.”

Emva kokuba uYesu etshilo, loo ndoda yaphila! Amalungu ayo omzimba awayefile aphila. Ngoku yakwazi ukuziphakamela nokuhamba. Bamangaliswa abo bantu kukubona lo mmangaliso. Babeqala ukubona into emangalisa ngolu hlobo ebomini babo! Bamdumisa uYehova ngokubanika lo Mfundisi Mkhulu, owayekwazi ukuphilisa abantu abagulayo.​—Marko 2:1-12.

Sifunda ntoni kulo mmangaliso?

Yintoni esiyifundayo kulo mmangaliso?— Sifunda ukuba uYesu unamandla okuxolela izono nawokuphilisa abantu abagulayo. Kodwa kwakhona kukho enye into ebaluleke gqitha esiyifundayo. Sifunda ukuba abantu bagula ngenxa yesono.

Ekubeni sonke sikhe sigule maxa wambi, ngaba oku kuthetha ukuba sonke sinesono?— Ewe, iBhayibhile ithi sonke sizelwe sinesono. Ngaba uyazi ukuba kuthetha ukuthini ukuzalwa unesono?— Kuthetha ukuba sizalwa singafezekanga. Maxa wambi senza izinto eziphosakeleyo nangona singafuni ukwenjenjalo. Ngaba uyazi ukuba sasifumana njani sonke isono?—

Sasifumana ngenxa yokuba umntu wokuqala, uAdam, akazange amthobele uThixo. Wona ngokuthi aphule umthetho kaThixo. Yaye sonke sasifumana kuAdam isono. Ngaba uyazi ukuba sasifumana njani kuye? Makhe ndikucacisele ngendlela oza kuyiqonda.

Sasifumana njani isono?

Mhlawumbi ukhe wabona umntu ebhaka isonka epanini. Yintoni eya kwenzeka kweso sonka ukuba loo pani inesifotho? Ngaba uyazi?— Eso sifotho siya kubonakala kweso sonka sibhakwe ngaloo pani, andithi?—

UAdam wayefana naloo pani, yaye thina sifana neso sonka. Waba ngumntu ongafezekanga xa waphula umthetho kaThixo. Kwaba ngathi ufumene isifotho. Ngoko xa esiba nabantwana, babeza kuba njani?— Bonke abantwana bakhe babeza kuba neso sifotho esikukungafezeki.

Asingabo bonke abantwana abazalwa benokungafezeki okubonakalayo. Abazalwa bengenangalo okanye umlenze. Kodwa ukungafezeki kwabo kubonakala ngakumbi xa begula, baze ekuhambeni kwexesha bafe.

Kakade ke, abanye abantu bagula kakhulu kunabanye. Kutheni kunjalo nje? Ngaba kungenxa yokuba bazalwe benesono esikhulu?— Akunjalo, sonke sizalwa sinesono esilinganayo. Sonke sizalwa singafezekanga. Ngoko ekugqibeleni, wonke umntu uyagula. Kwanabantu abazama ukuthobela yonke imithetho kaThixo nabangazenziyo izinto ezimbi banokugula.

Iya kuba njani impilo yethu xa singasenaso isono?

Ngoko, kutheni abanye abantu begula rhoqo kunabanye?— Zininzi izizathu ezibangela oko. Kusenokwenzeka ukuba abanakutya kwaneleyo. Okanye abatyi kutya kufanelekileyo. Basenokutya kakhulu ukutya okungenampilo. Esinye isizathu kukuba basenokuba bahlala kude kube sebusuku kakhulu baze bangalali ngokwaneleyo. Okanye basenokuba abanxibi ngokufudumeleyo xa kubanda kakhulu. Abanye abantu banemizimba ebuthathaka, engakwaziyo ukumelana nokugula, kwanokuba bayazinyamekela.

Ngaba liya kuze libekho ixesha apho singayi kugula khona? Ngaba siya kuze sikhululwe esonweni?— Kaloku, yintoni uYesu awayenzela loo ndoda yayife umzimba?— UYesu wazixolela izono zayo waza wayiphilisa. Ngaloo ndlela, uYesu wayebonisa oko aza kubenzela kona ngenye imini bonke abo bazama ngamandla ukwenza okulungileyo.

Ukuba sibonisa ukuba asifuni ukona yaye sikuthiyile okubi, uYesu uya kusiphilisa. Kwixesha elizayo, uya kukususa ukungafezeki esinako ngoku. Uya kukwenza oku njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. Isono asiyi kususwa kuthi ngaxeshanye. Kuya kuthabatha ixesha ukususwa kwaso. Ngoko xa isono sethu sisuswe ngokupheleleyo, asiyi kuphinda sigule. Siya kuba nempilo egqibeleleyo. Hayi indlela okuya kusivuyisa ngayo oko!

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela isono esibachaphazela ngayo bonke abantu, funda uYobhi 14:4; INdumiso 51:5; eyabaseRoma 3:23; 5:12 nesesi-6:23.