Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 33

UYesu Unokusikhusela

UYesu Unokusikhusela

Umjonga njani uYesu​—njengoKumkani onamandla okanye usana olungenakuzinceda?

XA UYESU wakhulayo waza wafumanisa indlela awakhuselwa ngayo ngoxa wayesemncinane, ngaba ucinga ukuba wathandaza kuYehova waza wambulela?— Ucinga ukuba kamva uYesu wathini kuMariya nakuYosefu akuva ukuba bamsindisa ngokumsa eYiputa?—

Kodwa ke, uYesu akaselulo usana. Akasaphili emhlabeni njengokuba kwakunjalo ngaphambili. Kodwa ngaba uphawulile na ukuba ngoku abanye abantu bacinga ukuba uYesu uselusana olusemkhumbini?— Oku kucaca ngakumbi ngexesha leKrismesi xa kwiindawo ezininzi ubona imifanekiso kaYesu eselusana.

Nakuba uYesu engasekho emhlabeni, ngaba uyakholelwa ukuba uyaphila?— Ewe, wavuswa ekufeni, yaye ngoku unguKumkani onamandla ezulwini. Ucinga ukuba unokubakhusela njani abo bangabalawulwa bakhe?— Kaloku, xa uYesu wayesemhlabeni, wabonisa indlela anokubakhusela ngayo abo bamthandayo. Makhe sibone oko wakwenzayo xa ngenye imini wayekunye nabafundi bakhe ephenyaneni.

Kusemva kwemini. UYesu ebefundisa imini yonke ngakuLwandle lwaseGalili, olulichibi elikhulu elimalunga neekhilomitha ezingama-20 ubude neekhilomitha ezili-12 ububanzi. Ngoko uthi kubafundi bakhe: ‘Masiwele, siye ngaphesheya kwechibi.’ Ngoko bakhwela ephenyaneni baze baqalise ukunqumla elo chibi. Ngenxa yokuba uYesu edinwe gqitha, uya kwindawo engasemva kweli phenyane aze alale emqamelweni. Kungabanga kudala, ulala tyum.

Uthini uYesu kumoya namaza?

Abafundi bahlala bethe qwa ukuze bagcine eli phenyane lisendleleni. Yonke into ikhangeleka ihamba kakuhle okwethutyana, kodwa kuqalisa umoya omkhulu. Uya uvuthuza ngamandla, aze namaza abe makhulu. La maza angena kweli phenyane lize lizale ngamanzi.

Abafundi bayoyika becinga ukuba baza kutshona. Kodwa yena uYesu akoyiki. Usalele kwindawo engasemva kwiphenyane. Ekugqibeleni, abafundi bayamvusa, baze bathi: ‘Myaleli, Myaleli, sisindise; siza kutshabalala lolu qhwithela.’ Ngelo xesha, uYesu uyavuka aze athethe nawo umoya namaza. Uthi: “Yithi tu! Uzole!”

Kanye ngelo xesha umoya uyadamba, yaye eli chibi liyazola. Abafundi bayamangaliswa. Abazange bayibone into enjalo ngaphambili. Bathi: “Ngubani ngokwenene lo, kuba uyalela kwanemimoya namanzi, yaye ziyamthobela?”—Luka 8:22-25; Marko 4:35-41.

Ngaba uyazi ukuba ungubani uYesu?— Ngaba uyazi ukuba uwafumana phi amandla akhe amakhulu?— Abafundi babengafanele boyike xa uYesu ekunye nabo, kuba uYesu wayengengomntu nje uqhelekileyo. Wayenokwenza imimangaliso eyayingenakwenziwa ngomnye umntu. Makhe ndikubalisele ngento awayenzayo ngenye imini xa kwakukho isaqhwithi elwandle.

Kamva ngenye imini, xa kurhatyela uYesu uxelela abafundi bakhe ukuba bakhwele iphenyane baze baye ngaphesheya kolwandle. Wandula ke uYesu eyedwa enyuke intaba. Apho kuzolile yaye kuba lula ukuthandaza kuYise, uYehova uThixo.

Abafundi bakhwela ephenyaneni baze baqalise ukuliqhuba benqumla ulwandle. Kodwa kungekudala umoya uqalisa ukuvuthuza. Uya uvuthuza ngamandla. Ngoku sele kusebusuku. La madoda athoba iseyile aze aqalise ukubheqa. Kodwa akahambi mgama ungako ngenxa yokuba umoya uvuthuza ngamandla usiza ngakwicala lawo. Eli phenyane libhekiswa ngapha nangapha ngamaza amakhulu, yaye amanzi angena ngaphakathi kulo. La madoda azama ngamandla ukuya kufika elunxwemeni, kodwa akakwazi.

UYesu useyedwa entabeni. Kudala elapho. Kodwa ngoku uyabona ukuba abafundi bakhe basengozini yokugqunyelelwa ngamaza amakhulu. Ngoko uyehla entabeni aze aye elunxwemeni lolwandle. UYesu ufuna ukunceda abafundi bakhe, ngoko uya ngakubo ehamba phezu kolo lwandle lungazolanga!

Kunokwenzeka ntoni xa unokuzama ukuhamba phezu kwamanzi?— Uya kutshona, uze urhaxwe. Kodwa uYesu wahlukile. Unamandla akhethekileyo. UYesu uhamba umgama omde ukuze afike kwelo phenyane. Sele kusondela ukusa xa abafundi bebona uYesu esiza ngakubo ehamba phezu kwamanzi. Kodwa abakukholelwa oko bakubonayo. Boyika gqitha, baze bakhale. Wandula uYesu athi kubo: “Yomelelani, ndim; musani ukoyika.”

Kwakutheni ukuze uYesu enze imimangaliso?

Uthi akungena uYesu kweli phenyane, luphele uqhwithela. Kwakhona abafundi bayamangaliswa. Bawa ph ambi kukaYesu baze bathi: “Ngokwenene unguNyana kaThixo.”​—Mateyu 14:22-33; Yohane 6:16-21.

Ngaba bekungayi kuba mnandi ukuphila ngelo xesha uze ubone uYesu esenza izinto ezinjalo?— Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu enze loo mimangaliso?— Wayenza kuba wayebathanda abafundi bakhe yaye efuna ukubanceda. Kodwa kwakhona wayenza ukuze abonise amandla amakhulu anawo naya kuwasebenzisa kwixesha elizayo xa enguMlawuli woBukumkani bukaThixo.

UYesu ubakhusela njani abalandeli bakhe namhlanje?

Nanamhlanje uYesu usawasebenzisa amandla akhe ukuze akhusele abalandeli bakhe kwimigudu kaSathana yokubayekisa ukuxelela abanye ngoBukumkani bukaThixo. Kodwa uYesu akawasebenzisi la mandla akhe ekukhuseleni abafundi bakhe ekuguleni okanye ekubanyangeni xa begula. Kwanabapostile bakaYesu bafa bonke ekugqibeleni. Umntakwabo Yohane, uYakobi wabulawa, yaye yena uYohane wavalelwa entolongweni.​—IZenzo 12:2; ISityhilelo 1:9.

Kunjalo nanamhlanje. Abantu bayagula baze bafe enoba bakhonza uYehova okanye abamkhonzi. Kodwa kungekudala, ebudeni bokulawula kukaYesu njengoKumkani worhulumente kaThixo, izinto ziya kutshintsha. Ngelo xesha, akusayi kuba yimfuneko ukuba kubekho umntu owoyikayo ngenxa yokuba uYesu uya kusebenzisa amandla akhe ukuze kungenelwe bonke abo bamthobelayo.​—Isaya 9:6, 7.

Ezinye izibhalo ezibonisa amandla amakhulu kaYesu, lowo uThixo amenze uMlawuli woBukumkani bakhe, nguDaniyeli 7:13, 14; uMateyu 28:18 neyabase-Efese 1:20-22.