Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 86

UYesu Uvusa ULazaro Ekufeni

UYesu Uvusa ULazaro Ekufeni

UYesu wayenabahlobo abathathu ababehlala eBhethani. Wayebathanda kakhulu. YayinguLazaro, noodadewabo ababini uMariya noMarta. Ngenye imini xa uYesu wayengaphesheya kweYordan, uMariya noMarta bathumela umyalezo ongxamisekileyo, othi: ‘ULazaro ugula kakhulu. Sicela ukhawulez’ ufike!’ Kodwa uYesu akazange aye kwangoko. Walinda iintsuku zambini, emva koko wathi kubafundi bakhe: ‘Masiyeni eBhethani. ULazaro ulele, kufuneka ndiyokumvusa.’ Abapostile bakhe bathi: ‘Ukuba uLazaro ulele, uza kutsho aphile.’ UYesu wabacacisela ngokuthi: ‘ULazaro ufile.’

Ukufika kukaYesu eBhethani, uLazaro wayeneentsuku ezine engcwatyiwe. Kwakugcwele abantu ababeze kuthuthuzela uMarta noMariya. Xa uMarta wevayo ukuba uYesu ufikile, wakhawuleza waya kuye. Wathi: “Nkosi, ukuba ubulapha, umntakwethu ngengafanga.” UYesu wathi kuye: ‘Umntakwenu uza kuphila kwakhona. Uyayikholelwa loo nto, Marta?’ Wathi: ‘Ndikholelwa ukuba uza kuvuswa kuvuko.’ UYesu wathi: “Ndim uvuko nobomi.”

Emva koko uMarta waya kuMariya waza wathi kuye: ‘UYesu ufikile.’ UMariya wabaleka waya kuYesu ibe walandelwa ngabantu abaninzi. Wawela ezinyaweni zikaYesu, engayeki ukukhala. Wathi: ‘Nkosi, ukuba ubukhona, umntakwethu ngesaphila!’ UYesu wabona indlela abuhlungu ngayo waza naye walila. Xa abantu babona uYesu elila, bathi: ‘Ebemthanda nyhani uLazaro.’ Kodwa abanye babezibuza: ‘Kutheni engamsindisanga umhlobo wakhe?’ Wayeza kuthini uYesu?

UYesu waya engcwabeni lakhe. Lalivalwe ngelitye elikhulu. Wathi: ‘Lisuseni ilitye.’ UMarta wathi: ‘Kodwa uneentsuku ezine efile. Umzimba wakhe uza kunuka.’ Kodwa ke, balisusa ilitye waza uYesu wathandaza wathi: ‘Bawo, enkosi ngokundiva. Ndiyayazi ukuba usoloko undiva, kodwa ndithetha ngokuvakalayo ukuze aba bantu bazi ukuba ndithunywe nguwe.’ Wakhwaza wathi: “Lazaro, phuma!” Kwenzeka into emangalisayo: ULazaro waphuma engcwabeni esabhijelwe ngamalaphu. UYesu wathi: “Mkhululeni nize nimyeke ahambe.”

Abantu abaninzi ababona uLazaro evuswa baba nokholo kuYesu. Kodwa abanye baxelela abaFarisi. Ukususela ngoko, abaFarisi babefuna ukumbulala uLazaro kunye noYesu. UYudas Skariyoti, omnye wabapostile abayi-12, waya kubaFarisi emfihlekweni waza wathi: ‘Niza kundibhatala malini ukuba ndinikhangelisa uYesu?’ Bathi baza kumbhatala amaqhosha esilivere ayi-30, waza uYudas wakhangela ithuba lokubambisa uYesu ngabaFarisi.

“UThixo oyinyaniso kuthi unguThixo wezenzo zokusindisa; yaye zezikaYehova iNkosi enguMongami iindlela zokuphuma ekufeni.”—INdumiso 68:20