Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 2

Intshayelelo Yecandelo 2

Kwakutheni ukuze uYehova azise umkhukula owatshabalalisa ihlabathi laloo mihla? Ekuqaleni kwembali yabantu, kwabakho imfazwe eyayiphakathi kwabantu abalungileyo nabo bangalunganga. Abanye babo, njengoAdam, uEva nonyana wabo uKayin, bakhetha ukuba ngabantu abangalunganga. Ukanti abanye abafana noAbheli noNowa, bakhetha ukuba ngabalungileyo. Abantu abaninzi babengalunganga kangangokuba uYehova walitshabalalisa elo hlabathi. Eli candelo liza kusinceda sifunde ukuba uYehova uyalibona icala esilikhethayo nokuba akasoze avumele izinto ezimbi zoyise ezilungileyo.

KWELI CANDELO

UAdam NoEva Zange Bamthobele UThixo

Yintoni eyayikhethekile komnye wemithi eyayisegadini yase-Eden? Kwakutheni ukuze uEva atye isiqhamo sawo?

Umsindo Wambangela Wabulala

UThixo wawamkela umnikelo ka-Abheli, akawamkela okaKayin. Akuyiva loo nto uKayin wacaphuka waza wenza eyona nto yakha yambi

Umkhombe KaNowa

Xa iingelosi ezonayo zatshata neentombi zabantu emhlabeni, zaba noonyana ababeziingxilimbela ezazinentlonti. Kwakugcwele ugonyamelo. Kodwa yena uNowa wayengafani nabantu belo xesha​—⁠wayemthanda kwaye emthobela uThixo.

Abantu Abasibhozo Basindela Kumhlaba Omtsha

NgoMkhukula kwana iintsuku eziyi-40 nobusuku bazo. Ngaphezu konyaka uNowa nentsapho yakhe babehleli emkhombeni. Ekugqibeleni, uThixo wathi mabaphume.