Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 7

UThixo Uhlangula Oonyana BakaSirayeli

UThixo Uhlangula Oonyana BakaSirayeli

UYehova uzisa izibetho eYiputa, yaye uMoses ukhokela oonyana bakaSirayeli abakhuphe kwelo lizwe. UThixo unika uSirayeli uMthetho ngoMoses

KANGANGEMINYAKA emininzi, oonyana bakaSirayeli ababehlala eYiputa, baqhubeka besanda. Kodwa, kwaphatha omnye uFaro. Lo yena wayengamazi uYosefu. Lo mlawuli ukhohlakeleyo owayesoyika ukuba amaSirayeli ande, wawenza amakhoboka waza wayalela ukuba bonke abantwana abazalwa bengamakhwenkwe baphoswe kuMlambo umNayile. Kodwa omnye umama okhaliphileyo walukhusela usana lwakhe oluyinkwenkwe ngokulufihla kwingobozi awayibeka phakathi kweengcongolo. Olo sana lwacholwa yintombi kaFaro, eyalithiya igama lokuba nguMoses, yaza yalikhulisela kwibhotwe laseYiputa.

Xa uMoses wayeneminyaka engama-40 ubudala, wazifaka engxakini ngenxa yokukhusela ikhoboka lakwaSirayeli kwenye induna yaseYiputa. Wasabela kwilizwe elikude apho wayephila njengembacu. Xa wayeneminyaka engama-80 ubudala, uYehova wamthumela kuFaro eYiputa ukuba akhulule abantu bakaThixo.

Yaba lukhuni intliziyo kaFaro. Ngoko uThixo wabetha iYiputa ngezibetho ezilishumi. Sihlandlo ngasinye uMoses evela phambi koFaro, emnika ithuba lokuphepha isibetho esilandelayo, yayisiba lukhuni intliziyo kaFaro. Ekugqibeleni, isibetho seshumi sabulala onke amazibulo elo lizwe—ngaphandle kwalawo eentsapho ezazithobela umthetho kaYehova ngokuqaba imigubasi yeminyango ngegazi lemvana. Ingelosi kaThixo eyayitshabalalisa yadlula kuloo mizi. Emva koko amaSirayeli asikhumbula eso sihlandlo sokuhlangulwa ngokungummangaliso ngokwenza umbhiyozo waminyaka le awawubiza ngokuba yiPasika.

Emva kokuba kufe izibulo lakhe, uFaro wayalela ukuba uMoses nawo onke amaSirayeli emke eYiputa. Engalibazisanga alungiselela iMfuduko enkulu. Kodwa uFaro watshintsha ingqondo. Wawasukela ehamba nemikhosi yakhe eyayihamba ngeenqwelo zokulwa. Kwabonakala ngathi amaSirayeli abambeke kunxweme loLwandle Olubomvu. UYehova wavula uLwandle Olubomvu, aza amaSirayeli adlula kwindawo eyomileyo, phakathi kwezo ndonga zamanzi. Athi akungena amaYiputa, uThixo wazibuyisa iindonga zamanzi, zaza zamkhukulisa uFaro naloo mikhosi yakhe.

Kamva, xa amaSirayeli ayemise iintente kwiNtaba yeSinayi, uYehova wenza umnqophiso kunye nawo. Esebenzisa uMoses njengomlamleli, uThixo wanika amaSirayeli imithetho eyayiza kuwakhokela ize iwakhusele kuzo zonke iinkalo zobomi. Lo gama amaSirayeli ayelwamkela ngokuthembeka ukhokelo lukaThixo, uYehova wayeza kuba nawo aze awasikelele phakathi kwezinye iintlanga.

Noko ke, inkoliso yamaSirayeli yaphelelwa lukholo kuThixo. Ngenxa yoko uYehova wasibhadulisa entlango eso sizwe kangangeminyaka engama-40. Emva koko uMoses wamisela indoda elilungisa uYoshuwa, ukuba ingene ezihlangwini zakhe. Ekugqibeleni, uSirayeli wakulungela ukungena kwilizwe uThixo awayelithembise uAbraham.

—Oku kusekelwe kwiEksodus; kwiLevitikus; kwiNumeri; kwiDuteronomi; kwiNdumiso 136:10-15; kwiZenzo 7:17-36.