Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Simele Sihlolisise IBhayibhile?

Kutheni Simele Sihlolisise IBhayibhile?

Ngaba uyazi kakuhle iBhayibhile? Ayikho enye incwadi eye yasasazwa njengeBhayibhile embalini. Abantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo baye bafumana intuthuzelo nethemba kwisigidimi sayo yaye amacebiso ayo aluncedo kubomi bemihla ngemihla. Kodwa abantu abaninzi namhlanje abayazi kangako iBhayibhile. Enoba uyanqula okanye akunjalo, kusenokwenzeka ukuba uyafuna ukuyazi. Le ncwadana ilungiselelwe ukukunceda ube nofifi ngoko kuqulethwe yiBhayibhile.

NGAPHAMBI kokuba uqalise ukufunda iBhayibhile, kungaba luncedo ukwazi izinto ezimbalwa ngayo. Le ncwadi, neyaziwa ngokuba ziZibhalo Ezingcwele, yenziwa ziincwadi ezingama-66, ukususela kwiGenesis ukusa kwiSityhilelo, okanye iApocalypse.

Ngubani umbhali weBhayibhile? Lo ngumbuzo obangela umdla. Liyinyaniso elokuba, yabhalwa ngamadoda amalunga nama-40 kwisithuba seminyaka emalunga ne-1 600. Okuphawulekayo kukuba, loo madoda akazange athi angababhali beBhayibhile. Enye yawo yathi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Ukanti enye yathi: “Ngumoya kaYehova owathethayo ngam, nelizwi lakhe laliselulwimini lwam.” (2 Samuweli 23:2) Ngoko ke, aba babhali bathi nguYehova uThixo, uMlawuli Ophakamileyo wendalo iphela, onguMbhali weBhayibhile. Ababhali babonisa ukuba uThixo ufuna abantu basondele kuye.

Kukho nenye into ebalulekileyo enokunceda umntu ayiqonde iBhayibhile. IZibhalo zinomxholo omnye: ukuthethelelwa kwelungelo likaThixo lokulawula uluntu ngoBukumkani bakhe basezulwini. Kule ncwadana, uza kuyibona indlela oyondelelana ngayo lo mxholo, ukususela kwiGenesis ukuya kwiSityhilelo.

Ucinga ngoku, funda ngesigidimi esifumaneka kweyona ncwadi idumileyo, iBhayibhile.

^ isiqe. 9 Zininzi iindlela ebizwa ngazo iminyaka namaxesha. Kule ncwadana, xa kubhalwe C.E. kubhekiselwa “kwiXesha Eliqhelekileyo,” yaye uB.C.E. ubhekisela “ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo.” Oku uza kukubona kwisicangca esisemazantsi kwiphepha ngalinye.