Eyesibini KaSamuweli 23:1-39

  • Amazwi okugqibela kaDavide (1-7)

  • Inzenzo zamakroti kaDavide (8-39)

23  La ngamazwi okugqibela kaDavide:+ “Ilizwi likaDavide unyana kaYese,+Nelizwi lendoda eyaphakanyiselwa phezulu,+Lo wakhethwa+ nguThixo ephuma kwaYakobi,Nemvumi ethandekayo yeengoma*+ zakwaSirayeli.   Umoya kaYehova wathetha usebenzisa mna,+Ilizwi lakhe laliselulwimini lwam.+   UThixo kaSirayeli wathetha,ILiwa likaSirayeli+ lathi kum: ‘Xa lowo ulawula abantu elilungisa,+Elawula esoyika uThixo,+   Kunjengokukhanya kwentsasa, lakukhanyisa ilanga,+Intsasa engenamafu. Kunjengokuqaqamba okubakho emva kwemvula,Okwenza ingca ihlume emhlabeni.’+   Ayikho njalo na indlu yam phambi koThixo? Kuba wenze isivumelwano sikanaphakade kunye nam,+Esilungelelaniswe kakuhle saza saqinisekiswa. Kuba silulo lonke usindiso novuyo lwam,Ayisiso na eso isizathu sokuba eyenza iphumelele?+   Kodwa onke amadoda angoongantweni aphoselwa kude+ njengamatyholo anameva,Kuba awanakubanjwa ngesandla.   Xa indoda iwabamba,Ifanele ixhobe ngokupheleleyo ngentsimbi nomphini womkhonto,Yaye afanele atshiswe aphele ngomlilo endaweni yawo.”  La ngamagama amakroti kaDavide:+ uYoshebhi-bhashebheti umTahakemoni, intloko yabathathu.+ Wavonyavonya umkhonto wakhe phezu kwabayi-800 ababulawa ngaxeshanye.  Olandelayo nguEleyazare+ unyana kaDodo+ unyana ka-Ahohi. Wayengomnye wamakroti amathathu awayekunye noDavide xa babengcungcuthekisa amaFilisti. Babedibene apho edabini, yaye xa amadoda akwaSirayeli abuya umva, 10  yena zange abuye mva, waqhubeka ewaxabela amaFilisti de yadinwa ingalo yakhe nesandla sakhe sanenkantsi kukubamba ikrele.+ Ngoko uYehova wenza kwakho uloyiso* olukhulu ngaloo mini,+ yaye abantu babuya emva kwakhe beze kuhluba abo baxatyelweyo. 11  Olandelayo yayinguShama unyana ka-Age umHarari. AmaFilisti adibana eLehi, apho kwakukho isiqwenga somhlaba sigcwele ziilentile, yaye abantu bawabaleka amaFilisti. 12  Kodwa yena wema endaweni yakhe phakathi entsimini, wayilwela waza wawaxabela amaFilisti, yaye uYehova wenza kwakho uloyiso* olukhulu.+ 13  Amathathu kumadoda ayi-30 aziintloko ehla ngexesha lesivuno aya kuDavide kumqolomba waseAdulam,+ yaye iqela lamaFilisti lalimise inkampu kwiNtlambo YamaRefa.*+ 14  Ngelo xesha uDavide wayekwindawo ekhuselekileyo,+ wona amaFilisti emise inkampu eBhetelehem. 15  UDavide wachaza into ayifunayo, wathi: “Akwaba bendinokusela amanzi equla elingakwigeyithi yaseBhetelehem!” 16  Loo makroti mathathu angena kwinkampu yamaFilisti aza akha amanzi kwiqula elingakwigeyithi yaseBhetelehem, awazisa kuDavide. Kodwa zange avume ukuwasela, waza wawagalelela uYehova.+ 17  Wathi: “Andinakuyenza le nto Yehova! Ndimele ndilisele na igazi+ lamadoda abeke ubomi bawo esichengeni?” Ngoko zange avume ukuwasela. Ezo zizinto ezenziwa ngala makroti mathathu. 18  UAbhishayi+ umntakwaboYowabhi unyana kaTseruya,+ wayeyintloko yabanye abathathu. Wavonyavonya umkhonto wakhe phezu kwabayi-300 ababulawayo, yaye wayedume njengabo bathathu.+ 19  Nangona wayengoyena ubalaseleyo kwaba bathathu yaye eyintloko yabo, akazange afike kumgangatho wabaya bathathu bokuqala. 20  UBhenaya+ unyana kaYehoyada wayeyindoda enesibindi,* eyenza izinto ezininzi ezibalaseleyo eKabhetseli.+ Waxabela oonyana ababini baka-Ariyeli wakwaMowabhi, yaye ngemini eyayinekhephu wehla wangena emngxunyeni onamanzi, waza wabulala ingonyama.+ 21  Waxabela nendoda engumYiputa eyayinkulu ngokungaqhelekanga. Nangona le ndoda yayiphethe umkhonto, wayihlasela ngentonga waza wawoxutha umkhonto kuloo mYiputa, wambulala ngomkhonto wakhe. 22  Ezi zizinto ezenziwa nguBhenaya unyana kaYehoyada, yaye wayedume njengala makroti mathathu. 23  Nangona wayebalasele ngaphezu kwaloo mashumi mathathu, zange afike kumgangatho waba bathathu. Kodwa, uDavide wamkhetha ukuba aphathe oonogada bakhe. 24  UAsaheli+ umntakwaboYowabhi wayephakathi kwaloo mashumi mathathu: uElihanan unyana kaDodo waseBhetelehem,+ 25  uShamaha umHarodi, uElika umHarodi, 26  uHeletse+ wasePaleti, uIra+ unyana kaIkeshi umTekowa, 27  uAbhi-ezere+ umAnatoti,+ uMebhunayi umHusha, 28  uTsalmon ­umAhowa, uMaharayi+ umNetofa, 29  uHelebhi unyana kaBhahana umNetofa, uItayi unyana kaRibhayi waseGibheya yamaBhenjamin, 30  uBhenaya+ umPiratoni, uHidayi weentlambo zaseGahashe,+ 31  uAbhi-albhon umAr­bha, uAzimaveti umBhar-humi, 32  uEliyabha umShahalebhim, oonyana bakaYashen, uYonatan, 33  uShamaha umHarari, uAhiyam unyana kaSharare umHarari, 34  uElifelete unyana ka-Ahasebhayi unyana womMahakati, uEliyam unyana ka-Ahitofele+ umGilo, 35  uHetsero umKar­mele, uParayi umArabhu, 36  uIgali unyana kaNatan waseTsobha, uBhani umGadi, 37  uTseleke umAmoni, uNaharayi umBheheroti, umphathi wezixhobo zikaYowabhi unyana kaTseruya, 38  uIra umItri, uGarebhe umItri,+ 39  noUriya+ umHiti—beyi-37 xa bebonke.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Nothandekayo weengoma.”
Okanye “usindiso.”
Okanye “usindiso.”
Okanye “kwiThafa LamaRefa.”
Ngokoqobo, “wayengunyana wendoda enesibindi.”