Eyesibini KaSamuweli 22:1-51

  • UDavide uzukisa uThixo ngezenzo zokusindisa kwakhe (1-51)

    • “UYehova liliwa lam” (2)

    • UYehova uthi nca kumntu omkhonza ngokungagungqiyo (26)

22  UDavide wathetha amazwi ale ngoma+ kuYehova mhla uYehova wamsindisa kwiintshaba zakhe zonke+ nakuSawule.+  Wathi: “UYehova liliwa lam, ikhusi lam+ nalowo undisindisayo.+   UThixo wam liliwa lam,+ endibalekela kulo.Ulikhaka lam+ nophondo* lwam losindiso,* indawo yam ekhuselekileyo.*+Indawo yam yokubalekela,+ umsindisi wam,+ wena undisindisa kubundlobongela.   Ndiyambiza uYehova, ofanelwe kukudunyiswa,Ibe ndiza kusindiswa kwiintshaba zam.   Ndangqongwa ngamaza abulalayo,+Izikhukula zamadoda angoongantweni zandoyikisa.+   Iintambo zengcwaba* zandirhangqa;+Imigibe yokufa yajamelana nam.+   Xa ndandisentlungwini, ndabiza uYehova,+Ndaqhubeka ndimbiza uThixo wam. Waliva ilizwi lam esetempileni yakhe,Yaye ukukhalela kwam uncedo kwafika ezindlebeni zakhe.+   Umhlaba wagungqa, wanyikima,+Neziseko zamazulu zangcangcazela,+Zaqhubeka zihexa kuba wayecatshukisiwe.+   Kwanyuka umsi uphuma ezimpumlweni zakhe,Kwaphuma umlilo otshabalalisayo emlonyeni wakhe,+Kwaza kwaphuma amalahle avuthayo kuye. 10  Wawathoba amazulu njengoko wayesehla,+Ibe kwakukho intsunguzi yobumnyama phantsi kweenyawo zakhe.+ 11  Weza ebhabha ekhwele ikherubhi.+ Wabonakala esemaphikweni esidalwa somoya.*+ 12  Emva koko wazijikeleza ngobumnyama njengekhusi,+Ngamanzi amnyama nangeengqimba zamafu. 13  Ekukhanyeni okwakuphambi kwakhe kwakukho amalahle avuthayo. 14  Emva koko uYehova waqalisa ukududuma esezulwini,+Oyena Uphakamileyo wabangela ilizwi lakhe laviwa.+ 15  Wadubula iintolo zakhe,+ waza wabachithachitha,Umbane, wenza isiphithiphithi phakathi kwabo.+ 16  Umphantsi wolwandle wabonakala,+Iziseko zomhlaba zatyhileka ngokukhalima kukaYehova,Ngokufutha kwempefumlo yeempumlo zakhe.+ 17  Wathi ephezulu,Wandibamba waza wandikhupha emanzini anzulu.+ 18  Wandihlangula kutshaba lwam olomeleleyo,+Kwabo babendicaphukela, ababenamandla kunam. 19  Balwa nam ngemini yentlekele yam,+Kodwa uYehova wandixhasa. 20  Wandikhupha wandisa kwindawo ekhuselekileyo,*+Wandisindisa kuba ekholwa ndim.+ 21  UYehova undivuza ngenxa yobulungisa bam,+ Undibuyekeza ngenxa yobumsulwa bezandla* zam.+ 22  Kuba ndizigcinile iindlela zikaYehova,Yaye andibanga ngumenzi-bubi, ndamlahla uThixo wam. 23  Zonke izigwebo zakhe+ ziphambi kwam,Andizukuphambuka kwimithetho yakhe.+ 24  Ndiza kuhlala ndimsulwa+ phambi kwakhe,Kwaye andizukwenza sono.+ 25  Kwanga uYehova angandibuyekeza ngenxa yobulungisa bam,+Ngenxa yokuba msulwa kwam phambi kwakhe.+ 26  Uza kuthi nca kumntu okukhonza ngokungagungqiyo,+Uza kuyiphatha ngokungenasiphoso indoda enamandla engenasiphoso;+ 27  Kumntu omsulwa uzibonakalisa umsulwa,+Kodwa kumntu onamaqhinga uzibonakalisa unobulumko.*+ 28  Kuba uyabasindisa abathobekileyo,+Kodwa awubafuni abanekratshi, kwaye uyabathoba.+ 29  Kuba usisibane sam Yehova,+NguYehova okhanyisa ubumnyama bam.+ 30  Ngoncedo lwakho ndingamelana namajoni angabaphangi,Ngamandla kaThixo ndingalunyuka udonga.+ 31  Indlela yoThixo wokwenene igqibelele,+Ilizwi likaYehova lisulungekile.+ Ulikhaka kubo bonke abo babalekela kuye.+ 32  Kuba ngubani onguThixo ngaphandle kukaYehova?+ Ngubani iliwa ngaphandle koThixo wethu?+ 33  UThixo wokwenene yinqaba yam eyomeleleyo,+Yaye uza kuyenza igqibelele indlela yam.+ 34  Wenza iinyawo zam zibe njengezempunzi,Undenza ndime kwiindawo eziphakamileyo.+ 35  Izandla zam uziqeqeshela imfazwe,Iingalo zam ziyakwazi ukugoba isaphetha sekopolo. 36  Undinika ikhaka lakho losindiso,Yaye ukuthobeka kwakho kundenza ndibe mkhulu.+ 37  Uyenza banzi indlela yam,Iinyawo zam azizukutyibilika.*+ 38  Ndiza kuzileqa iintshaba zam ndize ndizitshabalalise,Andizukubuya zide zibe zitshayelwe. 39  Kwaye ndiza kuzitshayela ndize ndizityumze, ukuze zingaphakami.+Ziza kuwa phantsi kweenyawo zam. 40  Uza kundixhobisa ngamandla okulwa idabi,+Uza kuzenza iintshaba zam zithi folokohlo phantsi kwam.+ 41  Uza kuzenza zirhoxe iintshaba zam,*+Ndiza kubaphelisa* abo bandicaphukelayo.+ 42  Bakhalela uncedo, kodwa akukho mntu wakubasindisa,Bade bakhale nakuYehova, kodwa akabaphenduli.+ 43  Ndiza kubaguba babe njengothuli lomhlaba,Ndiza kubacola, ndibanyathele njengodaka olusezitratweni. 44  Uza kundihlangula ekugxekweni ngabantu bakowethu.+ Uza kundikhusela ukuze ndibe yintloko ezintlangeni,+Ndiza kukhonzwa sisizwana endingasaziyo.+ 45  Abasemzini baza kuza kum bothukile,+Into abaza kuyiva ngam iza kubenza bandithobele.* 46  Abasemzini baza kuphelelwa kukuba nesibindi,*Baza kuphuma kwiindawo zabo zokuzikhusela bengcangcazela. 47  UYehova uyaphila! Malidunyiswe iLiwa lam!+ Makaphakanyiswe uThixo oliliwa lokundisindisa.+ 48  UThixo wokwenene uyandiphindezelela,+Uyazithoba izizwana zibe ngaphantsi kwam,+ 49  Yena uyandisindisa kwiintshaba zam. Wena undiphakamisa+ ngaphezu kwabo bandihlaselayo,Uyandisindisa kwindoda enobundlobongela.+ 50  Yiloo nto ndiza kukubulela phakathi kweentlanga, wena Yehova,+Negama lakho ndiza kulidumisa ngengoma:*+ 51  Umsindisa ngeendlela ezinkulu* ukumkani wakhe,+Umthanda ngokungagungqiyo umthanjiswa wakheUDavide nenzala* yakhe ngonaphakade.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “umsindisi wam onamandla.”
Okanye “indawo yam ephakamileyo nekhuselekileyo.”
Okanye “omoya.”
Okanye “enkulu.”
Ngokoqobo, “ngokokucoceka kwezandla.”
Okanye kusenokwenzeka, “wenza ngathi uyageza.”
Okanye “Amaqatha am awazukutyibilika.”
Okanye “Uza kuzenza iintshaba zam zindinikele umva.”
Ngokoqobo, “kubathulisa.”
Ngokoqobo, “Xa indlebe isiva, baza kundithobela.”
Okanye “kunyamalala.”
Okanye “ndiza kuliqambela ingoma.”
Okanye “Umenza oyise kakhulu.”
Ngokoqobo, “nembewu.”