Eyesibini KaSamuweli 22:1-51
22 UDavide wathetha amazwi ale ngoma+ kuYehova mhla uYehova wamsindisa kwiintshaba zakhe zonke+ nakuSawule.+
2 Wathi:
“UYehova liliwa lam, ikhusi lam+ nalowo undisindisayo.+
3 UThixo wam liliwa lam,+ endibalekela kulo.Ulikhaka lam+ nophondo* lwam losindiso,* indawo yam ekhuselekileyo.*+Indawo yam yokubalekela,+ umsindisi wam,+ wena undisindisa kubundlobongela.
4 Ndiyambiza uYehova, ofanelwe kukudunyiswa,Ibe ndiza kusindiswa kwiintshaba zam.
5 Ndangqongwa ngamaza abulalayo,+Izikhukula zamadoda angoongantweni zandoyikisa.+
6 Iintambo zengcwaba* zandirhangqa;+Imigibe yokufa yajamelana nam.+
7 Xa ndandisentlungwini, ndabiza uYehova,+Ndaqhubeka ndimbiza uThixo wam.
Waliva ilizwi lam esetempileni yakhe,Yaye ukukhalela kwam uncedo kwafika ezindlebeni zakhe.+
8 Umhlaba wagungqa, wanyikima,+Neziseko zamazulu zangcangcazela,+Zaqhubeka zihexa kuba wayecatshukisiwe.+
9 Kwanyuka umsi uphuma ezimpumlweni zakhe,Kwaphuma umlilo otshabalalisayo emlonyeni wakhe,+Kwaza kwaphuma amalahle avuthayo kuye.
10 Wawathoba amazulu njengoko wayesehla,+Ibe kwakukho intsunguzi yobumnyama phantsi kweenyawo zakhe.+
11 Weza ebhabha ekhwele ikherubhi.+
Wabonakala esemaphikweni esidalwa somoya.*+
12 Emva koko wazijikeleza ngobumnyama njengekhusi,+Ngamanzi amnyama nangeengqimba zamafu.
13 Ekukhanyeni okwakuphambi kwakhe kwakukho amalahle avuthayo.
14 Emva koko uYehova waqalisa ukududuma esezulwini,+Oyena Uphakamileyo wabangela ilizwi lakhe laviwa.+
15 Wadubula iintolo zakhe,+ waza wabachithachitha,Umbane, wenza isiphithiphithi phakathi kwabo.+
16 Umphantsi wolwandle wabonakala,+Iziseko zomhlaba zatyhileka ngokukhalima kukaYehova,Ngokufutha kwempefumlo yeempumlo zakhe.+
17 Wathi ephezulu,Wandibamba waza wandikhupha emanzini anzulu.+
18 Wandihlangula kutshaba lwam olomeleleyo,+Kwabo babendicaphukela, ababenamandla kunam.
19 Balwa nam ngemini yentlekele yam,+Kodwa uYehova wandixhasa.
20 Wandikhupha wandisa kwindawo ekhuselekileyo,*+Wandisindisa kuba ekholwa ndim.+
21 UYehova undivuza ngenxa yobulungisa bam,+
Undibuyekeza ngenxa yobumsulwa bezandla* zam.+
22 Kuba ndizigcinile iindlela zikaYehova,Yaye andibanga ngumenzi-bubi, ndamlahla uThixo wam.
23 Zonke izigwebo zakhe+ ziphambi kwam,Andizukuphambuka kwimithetho yakhe.+
24 Ndiza kuhlala ndimsulwa+ phambi kwakhe,Kwaye andizukwenza sono.+
25 Kwanga uYehova angandibuyekeza ngenxa yobulungisa bam,+Ngenxa yokuba msulwa kwam phambi kwakhe.+
26 Uza kuthi nca kumntu okukhonza ngokungagungqiyo,+Uza kuyiphatha ngokungenasiphoso indoda enamandla engenasiphoso;+
27 Kumntu omsulwa uzibonakalisa umsulwa,+Kodwa kumntu onamaqhinga uzibonakalisa unobulumko.*+
28 Kuba uyabasindisa abathobekileyo,+Kodwa awubafuni abanekratshi, kwaye uyabathoba.+
29 Kuba usisibane sam Yehova,+NguYehova okhanyisa ubumnyama bam.+
30 Ngoncedo lwakho ndingamelana namajoni angabaphangi,Ngamandla kaThixo ndingalunyuka udonga.+
31 Indlela yoThixo wokwenene igqibelele,+Ilizwi likaYehova lisulungekile.+
Ulikhaka kubo bonke abo babalekela kuye.+
32 Kuba ngubani onguThixo ngaphandle kukaYehova?+
Ngubani iliwa ngaphandle koThixo wethu?+
33 UThixo wokwenene yinqaba yam eyomeleleyo,+Yaye uza kuyenza igqibelele indlela yam.+
34 Wenza iinyawo zam zibe njengezempunzi,Undenza ndime kwiindawo eziphakamileyo.+
35 Izandla zam uziqeqeshela imfazwe,Iingalo zam ziyakwazi ukugoba isaphetha sekopolo.
36 Undinika ikhaka lakho losindiso,Yaye ukuthobeka kwakho kundenza ndibe mkhulu.+
37 Uyenza banzi indlela yam,Iinyawo zam azizukutyibilika.*+
38 Ndiza kuzileqa iintshaba zam ndize ndizitshabalalise,Andizukubuya zide zibe zitshayelwe.
39 Kwaye ndiza kuzitshayela ndize ndizityumze, ukuze zingaphakami.+Ziza kuwa phantsi kweenyawo zam.
40 Uza kundixhobisa ngamandla okulwa idabi,+Uza kuzenza iintshaba zam zithi folokohlo phantsi kwam.+
41 Uza kuzenza zirhoxe iintshaba zam,*+Ndiza kubaphelisa* abo bandicaphukelayo.+
42 Bakhalela uncedo, kodwa akukho mntu wakubasindisa,Bade bakhale nakuYehova, kodwa akabaphenduli.+
43 Ndiza kubaguba babe njengothuli lomhlaba,Ndiza kubacola, ndibanyathele njengodaka olusezitratweni.
44 Uza kundihlangula ekugxekweni ngabantu bakowethu.+
Uza kundikhusela ukuze ndibe yintloko ezintlangeni,+Ndiza kukhonzwa sisizwana endingasaziyo.+
45 Abasemzini baza kuza kum bothukile,+Into abaza kuyiva ngam iza kubenza bandithobele.*
46 Abasemzini baza kuphelelwa kukuba nesibindi,*Baza kuphuma kwiindawo zabo zokuzikhusela bengcangcazela.
47 UYehova uyaphila! Malidunyiswe iLiwa lam!+
Makaphakanyiswe uThixo oliliwa lokundisindisa.+
48 UThixo wokwenene uyandiphindezelela,+Uyazithoba izizwana zibe ngaphantsi kwam,+
49 Yena uyandisindisa kwiintshaba zam.
Wena undiphakamisa+ ngaphezu kwabo bandihlaselayo,Uyandisindisa kwindoda enobundlobongela.+
50 Yiloo nto ndiza kukubulela phakathi kweentlanga, wena Yehova,+Negama lakho ndiza kulidumisa ngengoma:*+
51 Umsindisa ngeendlela ezinkulu* ukumkani wakhe,+Umthanda ngokungagungqiyo umthanjiswa wakheUDavide nenzala* yakhe ngonaphakade.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “umsindisi wam onamandla.”
^ Okanye “indawo yam ephakamileyo nekhuselekileyo.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “omoya.”
^ Okanye “enkulu.”
^ Ngokoqobo, “ngokokucoceka kwezandla.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “wenza ngathi uyageza.”
^ Okanye “Amaqatha am awazukutyibilika.”
^ Okanye “Uza kuzenza iintshaba zam zindinikele umva.”
^ Ngokoqobo, “kubathulisa.”
^ Ngokoqobo, “Xa indlebe isiva, baza kundithobela.”
^ Okanye “kunyamalala.”
^ Okanye “ndiza kuliqambela ingoma.”
^ Okanye “Umenza oyise kakhulu.”
^ Ngokoqobo, “nembewu.”