Eyesibini KaSamuweli 6:1-23

  • ITyeya iziswa eYerusalem (1-23)

    • U-Uza ubamba iTyeya aze abulawe (6-8)

    • UMikali udelela uDavide (16, 20-23)

6  Waphinda uDavide waqokelela onke amajoni angamagorha akwaSirayeli. Ayengamadoda ayi-30 000.  Emva koko uDavide nawo onke amadoda awayekunye naye baya eBhahale-yuda beyokuthatha iTyeya kaThixo wokwenene,+ apho abantu babelidumisa khona igama likaYehova wemikhosi,+ ohleli etroneni entla* kweekherubhi.+  Kodwa bayikhwelisa kwinqwelo entsha iTyeya kaThixo wokwenene,+ beyifudusa endlini ka-Abhinadabhi+ eyayisendulini. U-Uza noAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi, babeyikhokela le nqwelo intsha.  Bayifudusa iTyeya kaThixo wokwenene endlini ka-Abhinadabhi eyayisendulini, yaye uAhiyo wayehamba phambi kwayo.  UDavide nendlu yonke kaSirayeli babebhiyoza phambi koYehova, bekhalisa zonke iintlobo zezixhobo zomthi wejunipha, iihadi, imirhubhe,+ amagubu,+ amakhenkcekhenkce namacangci.+  Bathe bakufika kwibala lokubhula likaNakon, u-Uza wolula isandla sakhe, wabamba iTyeya kaThixo wokwenene+ kuba iinkomo zaphantse zayiwisa.  U-Uza wamcaphukisa uYehova ngokwenza loo nto, waza uThixo wokwenene wambethela+ apho ngenxa yokungamhloniphi kwakhe.+ Wafela apho kufuphi neTyeya kaThixo wokwenene.  Kodwa uDavide wacaphuka* ngenxa yokuba uYehova eye wambetha ngomsindo u-Uza, yaza loo ndawo yabizwa ngokuba yiPeretse-uza* kude kube namhlanje.  Ngoko uDavide wamoyika uYehova+ ngaloo mini waza wathi: “Iza kuza njani kum iTyeya kaYehova?”+ 10  UDavide wayengafuni ukuyizisa iTyeya kaYehova kwindawo awayekuyo, kwisiXeko SikaDavide.+ Kunoko wathi mayisiwe kwindlu kaObhedi-edom+ umGati. 11  ITyeya kaYehova yahlala endlini kaObhedi-edom umGati iinyanga ezintathu, ibe uYehova waqhubeka emsikelela uObhedi-edom nayo yonke indlu yakhe.+ 12  Kwathiwa kuKumkani uDavide: “UYehova uyisikelele indlu kaObhedi-edom nayo yonke into ethi yena, ngenxa yeTyeya kaThixo wokwenene.” Ngoko uDavide wayifudusa iTyeya kaThixo wokwenene endlini kaObhedi-edom wayizisa kwisiXeko SikaDavide evuya.+ 13  Bathi ke xa abathwali+ beTyeya kaYehova behambe amanyathelo amathandathu, uDavide wabingelela ngenkunzi yenkomo nesilwanyana esityebileyo. 14  UDavide wayejikeleza edanisa phambi koYehova ngamandla akhe onke. Lonke elo xesha wayenxibe* iefodi yelinen.+ 15  Yena nendlu yonke kaSirayeli bayifudusa iTyeya+ kaYehova bekhwaza bevuya+ yaye bekhalisa uphondo.+ 16  Kodwa ithe yakufika iTyeya kaYehova kwisiXeko SikaDavide, uMikali intombi kaSawule+ wakroba ngefestile, wajonga ezantsi wabona uKumkani uDavide exhuma-xhuma futhi edanisa phambi koYehova, waza wamdelela entliziyweni yakhe.+ 17  Bayingenisa ke iTyeya kaYehova baza bayibeka endaweni yayo, kwintente uDavide awayeyimisele yona.+ Emva koko uDavide wenzela uYehova+ iminikelo etshiswayo+ nemibingelelo yobuhlobo.+ 18  Akugqiba ukunikela iminikelo etshiswayo nemibingelelo yobuhlobo, wabasikelela abantu egameni likaYehova wemikhosi. 19  Wabahlulela bonke abantu, sonke isihlwele sakwaSirayeli, indoda nomfazi, isonka esirawundi, isonka seedatilisi nesonka seerasintyisi. Emva koko bagoduka, ngamnye waya endlini yakhe. 20  Uthe akubuya uDavide ezokusikelela indlu yakhe, uMikali intombi kaSawule,+ wamhlangabeza. UMikali wathi kuye: “Namhlanje ukumkani wakwaSirayeli uzizukise ngeyona ndlela ngokukhulula iimpahla zakhe phambi kwamakhobokazana ezicaka zakhe, kanye njengokuba umntu ongenangqondo evele akhulule!”+ 21  UDavide wathi kuMikali: “Bendibhiyoza phambi koYehova, lo wakhetha mna endaweni katata wakho nayo yonke indlu yakhe, nowandenza inkokheli yabantu bakaYehova amaSirayeli.+ Ngoko ndiza kubhiyoza phambi koYehova. 22  Ndiza kuzithoba nangaphezu koku, ibe ndiza kude ndizithobe nakwawam amehlo. Kodwa la makhobokazana uthetha ngawo wona, aza kundizukisa.” 23  Ngoko uMikali,+ intombi kaSawule, zange abe nabantwana wada wayokufa.

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “phakathi.”
Okanye “wakhathazeka.”
Ethetha ukuthi “Ukutyhobozela Ku-Uza.”
Ngokoqobo, “wayebhinqe.”