Imibuzo Eli-10 Yolutsha Iyaphendulwa

Fumana amacebiso anokukunceda uphumelele ebomini.

UMBUZO 1

Ndingubani?

Xa uqinisekile ngendlela ophila ngayo, ngezinto ozenza kakuhle, ngezinto ongakwaziyo ukuzenza, nangezinto ozimisele ukuzenza, uza kusoloko ukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo xa unyanzelwa ukuba wenze into.

UMBUZO 2

Kutheni Ndizikhathaza Ngobuhle?

Ngaba akuyithandi le nto uyibona esipilini? Yintoni onokukwazi ukuyitshintsha?

UMBUZO 3

Ndinokuthetha Njani Nabazali Bam?

Nazi ezinye izinto ezinokukunceda kube lula ukuncokola nabazali bakho.

UMBUZO 4

Ndingazilungisa Njani Iimpazamo Zam?

Uza kuzenza iimpazamo nokuba kunini—njengamntu wonke. Uza kuthini ke emva koko?

UMBUZO 5

Ndenze Ntoni Xa Ndintlontwa Esikolweni?

Ikho into onokuyenza. Phofu, unokumoyisa umntu okuntlontayo ungakhange umbethe.

UMBUZO 6

Ndinokukwazi Njani Ukungalandeli Oontanga?

Kusenokuba nzima ukwenza into oyaziyo ukuba ilungile.

UMBUZO 7

Ndimthini Umntu Ofuna Silale Singatshatanga?

Khawucinge ngezinto eziye zenzeka kulutsha oluye lwalala nabantu olungatshatanga nabo.

UMBUZO 8

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngokudlwengulwa?

Abona bantu baxhatshazwayo lulutsha. Yintoni onokuyenza?

UMBUZO 9

Ngaba Nyhani Izinto Zazivelela?

Yiyiphi inkcazelo evakala isengqondweni?

UMBUZO 10

Inokundinceda Njani IBhayibhile?

Abantu abaninzi bathi iBhayibhile yincwadi yeentsomi, iphelelwe lixesha okanye kunzima ukuyiqonda. Abachananga.