Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 1

Ndingubani?

Ndingubani?

KUTHENI KUBALULEKILE?

Ukuzazi ukuba ungubani nokuba yintoni elungileyo kuwe kuya kukunceda wenze izigqibo zobulumko xa unyanzelwa ukuba wenze okuphosakeleyo.

UBUNOKWENZA NTONI WENA?

Khawucinge ngoku: Kungekapheli nemizuzu elishumi uKaren efikile epatini, uva ilizwi lomntu amaziyo.

“Umele ntoni apho?”

Xa ejika uKaren ubona umhlobo wakhe uJessica ethe qhiwu iibhotile ezimbini ezisandul’ ukuvulwa. Uyazi ukuba butywala. UJessica unika uKaren enye ibhotile aze athi, “Awungomntwana wethu, khawonwabe!”

UKaren uyafuna ukwala, qha uJessica ngumhlobo wakhe. Ibe akafuni acinge ukuba akalandeli. Eny’ into uJessica ngomnye weentombi ezilungileyo. Ngoko ukuba uyasela, mhlawumbi akuphosakelanga kangako. UKaren uzixelela oku, ‘sisiselo nje qha, akufani nokusebenzisa iziyobisi.’

Ukuba ubunguKaren, ubunokwenza ntoni wena?

CINGA!

Ukuze wenze izigqibo zobulumko kule meko, umele uqale uzazi. Ukuzazi kuthetha ukwazi ukuba ungubani nokuba yintoni elungileyo kuwe. Xa uzazi ngolo hlobo, unako ukulawula ubomi bakho kunokuba uvumele abanye bakulawule.—1 Korinte 9:26, 27.

Unokukwenza njani oku? Ungaqala ngokuphendula le mibuzo ilandelayo.

1 ZIINTONI ENDIKWAZIYO UKUZENZA?

Ukwazi ubuchule onabo neempawu zakho ezintle kunokukwenza uzithembe.

UMZEKELO OSEBHAYIBHILENI: Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Nokuba andinabuchule ngentetho, ngokuqinisekileyo andinjalo ngolwazi.” (2 Korinte 11:6) Ukuzazi kakuhle iZibhalo kwanceda uPawulos wakwazi ukuxhathisa xa abanye babemchasa. Akazange avumele ukugxekwa ngabo kumenze angazithembi.—2 Korinte 10:10; 11:5.

ZAZI: Bhala italente okanye ubuchule onabo.

Ngoku bhala uphawu onalo oluhle. (Ngokomzekelo, ngaba unobubele? uthanda ukupha? unokuthenjwa? uyalibamba ixesha?)

2 ZIINTONI ENDIBUTHATHAKA KUZO?

Ubuntu bakho bungatshintsha bube bubi ukuba uvumela ubuthathaka bakho bulawule ubomi bakho.

UMZEKELO OSEBHAYIBHILENI: UPawulos wayebazi ubuthathaka bakhe. Wabhala wathi: “Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi, kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono.”—Roma 7:22, 23.

ZAZI: Bubuphi ubuthathaka ofanele uboyise?

3 ZIINTONI ENDIZIMISELE UKUZENZA?

Ngaba ubunokukhwela iteksi uze uxelele umqhubi wayo ukuba ajikeleze nawe de iphelelwe yipetroli? Ibiya kuba bubudenge —nokudlala ngemali oko!

Sifunda ntoni? Ukuyazi into oyifunayo kukunceda ungemi ndawonye ebomini. Uyazazi ukuba uyaphi nendlela oza kufika ngayo apho.

UMZEKELO OSEBHAYIBHILENI: UPawulos wabhala wathi: “Indlela endibaleka ngayo asiyiyo eyokungaqiniseki.” (1 Korinte 9:26) Kunokuba aphile ngamabonandenzile, uPawulos wayenenjongo ecacileyo ebomini yaye wayephila ngokuvisisana nayo.—Filipi 3:12-14.

ZAZI: Bhala izinto ezintathu ongathanda ukuziphumeza ungaphelanga unyaka ozayo.

4 ZIINTONI ENDIZIKHOLELWAYO?

Xa uzazi kakuhle, ufana nomthi oneengcambu ezendeleyo onokumelana nezaqhwithi ezikhulu

Xa zingekho izinto ozikholelwayo, uya kulala neli uvuke neliya. Uya kuba yintaka-mpuku esoloko ifuna ukwamkelwa ngabahlobo bayo, loo nto ibonisa ukuba awunamqolo.

Ngokwahlukileyo koko, ukuba izinto ozenzayo zivisisana nezinto ozikholelwayo ebomini, akukho nto iya kukujika—kungakhathaliseki ukuba abanye benza ntoni.

UMZEKELO OSEBHAYIBHILENI: Kusenokwenzeka ukuba umprofeti uDaniyeli wayeselula xa “wazimisela entliziyweni yakhe” ukuba uza kuthobela umthetho kaThixo, nangona wayengahlali nentsapho yakowabo. (Daniyeli 1:8) Ngokwenjenjalo, wayimela ngokuqinileyo into awayeyikholelwa. UDaniyeli waphila ubomi bakhe ngokuvisisana neenkolelo zakhe.

ZAZI: Ziintoni ozikholelwayo? Ngokomzekelo: Ngaba uyakholelwa kuThixo? Ukuba kunjalo, kutheni? Bubuphi ubungqina obukwenza uqiniseke ukuba ukho?

Ngaba uyakholelwa ukuba imithetho kaThixo engendlela yokuziphatha yenzelwe ukunceda wena? Ukuba kunjalo, kutheni?

Yintoni wena obungathanda ukufana nayo—igqabi eliphetshethwa lula ngumoya okanye umthi okwaziyo ukumelana nezaqhwithi ezinamandla? Qiniseka ngento oyifunayo ebomini yaye uya kufana nalo mthi. Oko kuya kukunceda ukwazi ukuphendula umbuzo othi, Ndingubani?