Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 12

Yintoni Eza Kukunceda Ukungayeki Ukufunda IBhayibhile?

Yintoni Eza Kukunceda Ukungayeki Ukufunda IBhayibhile?

Kuyanceda ukufunda iBhayibhile, kodwa akusoloko kulula. Ngamanye amaxesha usenokuzibuza ukuba uza kukwazi na ukuqhubeka uyifunda. Kutheni kubalulekile ukuzama kangangoko unako ukungayeki ukuyifunda? Yintoni enokukunceda uqhubeke naxa kukho iingxaki?

1. Kutheni kubalulekile ukufunda iBhayibhile?

“Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.” (Hebhere 4:12) IBhayibhile ibalulekile kuba ibonisa izinto ezicingwa nguThixo nendlela akuthanda ngayo. Ikufundisa izinto omele uzazi, ikunceda ulumke uze ube nethemba. Eyona nto ibalulekileyo kukuba iBhayibhile ikunceda ube ngumhlobo kaYehova. Xa ufunda iBhayibhile uvumela amandla ayo abenze bhetele ubomi bakho.

2. Kutheni simele sihlale sikhumbula ukuba inyaniso esiyifunda eBhayibhileni ibaluleke kakhulu?

Inyaniso eseBhayibhileni ifana nobutyebi. Yiloo nto iBhayibhile isithi: “Thenga inyaniso, ungaze uthengise ngayo.” (IMizekeliso 23:23) Xa sihlala sikhumbula ukuba inyaniso esiyifunda eBhayibhileni ibaluleke kakhulu, asizukuyeka ukufunda naxa sineengxaki.​—Funda iMizekeliso 2:4, 5.

3. Angakunceda njani uYehova ukuze ungayeki ukufunda?

UYehova ufuna ukukunceda ufunde ngaye. Kaloku unguMdali wezinto zonke noMhlobo wakho. Unokukwenza ube “nomnqweno namandla okwenza izinto azithandayo.” (Funda amaFilipi 2:13.) Loo nto ithetha ukuba nanini na udinga ukuncedwa ukuze ufunde okanye uzenze izinto ozifundayo, angakunceda. Ukuba udinga amandla okunyamezela iingxaki okanye ukuchaswa, unokukunika. Thandaza qho kuYehova umcele akuncede ungayeki ukufunda iBhayibhile.​—1 Tesalonika 5:17.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ukuba ziintoni onokuzenza ukuze ungayeki ukufunda iBhayibhile nokuba uxakekile okanye abantu bayakuchasa. Emva koko, ufunde ngendlela uYehova aza kukunceda ngayo ukuze ungayeki.

4. Qiniseka ukuba ukufunda iBhayibhile kuyeyona nto ibalulekileyo kuwe

Ngamanye amaxesha sikhe sixakeke kakhulu side singabi nalo nexesha lokufunda iBhayibhile. Yintoni enokusinceda? Funda amaFilipi 1:10, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ucinga ukuba zeziphi ‘ezona zinto zibalulekileyo’ ebomini?

  • Yintoni onokuyenza ukuze uqiniseke ukuba ukufunda iBhayibhile kuyeyona nto ibalulekileyo kuwe?

  1. Ukuba ugcwalisa ibhakethi ngesanti uze uzame ukufaka amatye, awazukungena

  2. Ukuba ufaka amatye kuqala, iza kuba khona indawo yokugalela isanti eninzi. Ngendlela efanayo, ukuba ubeka ‘ezona zinto zibalulekileyo’ kwindawo yokuqala ebomini bakho, uza kukwazi ukuzenza uze ube nalo nexesha lokwenza nezinye izinto

Siyamdinga uThixo. Ukufunda iBhayibhile kusinceda simazi size simkhonze. Funda uMateyu 5:3, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kusinceda njani ukuqiniseka ukuba ukufunda iBhayibhile kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu?

5. Ungayeki ukufunda naxa uchaswa

Ngamanye amaxesha, abanye abantu basenokuzama ukukutyhafisa ukuze uyeke ukufunda iBhayibhile. Khawubukele into eyenzeka kuFrancesco. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo.

  • Kule vidiyo, bathini abantu bakuloFrancesco nabahlobo bakhe xa wabaxelela ukuba ufundelwa iBhayibhile?

  • Wasikelelwa njani ngenxa yokungayeki nokuba sekunzima?

Funda 2 Timoti 2:24, 25, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Bathini bona abantu bakowenu nabahlobo bakho kuba ufunda iBhayibhile?

  • Kwezi vesi sizifundileyo, uve ukuba umele uthini xa kukho umntu ongayithandiyo into yokuba ufunda iBhayibhile? Kutheni usitsho?

6. Mthembe UYehova Ukuba Uza Kukunceda

Xa sisiya sisondela kuYehova, sikufuna kakhulu ukwenza izinto azithandayo. Kodwa ke, kusenokuba nzima ukutshintsha ezinye izinto ukuze siphile ngendlela ayifunayo. Ukuba nawe unaloo ngxaki, ungancami. UYehova uza kukunceda. Dlala IVIDIYO, emva koko, nincokole ngale mibuzo.

  • Kule vidiyo, ziintoni awazitshintshayo uJim ukuze avuyise uYehova?

  • Yintoni oyithandayo ngendlela awazenza ngayo izinto?

Funda amaHebhere 11:6, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Yintoni uYehova aza kuyenzela abantu ‘abamfuna ngokuzimisela’?

  • Le nto ikuxelela ukuba uYehova uziva njani xa ekubona uzama kangangoko unako ukuze ungayeki ukufunda iBhayibhile?

UKUBA UMNTU UTHI: “Kutheni ufunda iBhayibhile?”

  • Uza kuthini?

UFUNDE NTONI?

Ukufunda iBhayibhile kusenokuba nzima ngamanye amaxesha kodwa kunokukunceda uphile ubomi obumnandi ngonaphakade. Ungayeki ukuthembela ngoYehova, uza kukusikelela.

Khawutsho

  • Kutheni inyaniso oyifunda eBhayibhileni ibalulekile kuwe?

  • Ziintoni onokuzenza ukuze ‘uqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo’?

  • Kutheni umele umcele uYehova ukuba akuncede ungayeki ukufunda iBhayibhile?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda izinto ezine ezincede abantu abaninzi balisebenzisa kakuhle ixesha labo.

“Indlela Yokusebenzisa Ixesha Lakho Ngobulumko” (Vukani!, Februwari 2014)

Bukela indlela uYehova awalinceda ngayo elinye ibhinqa elalinomyeni owayengayivisisi ncam into yokuba lizame kangangoko linako ukuvuyisa uThixo.

UYehova Usinika Amandla Okunyamezela (5:05)

Bukela indlela enye indoda eyancedakala ngayo kuba inkosikazi yayo ingazange iyeke ukufunda iBhayibhile naxa kwakunzima.

Ndandifuna Ukuyibona Ukuba Yinyaniso Nyhani Na (6:30)

Ngamanye amaxesha kudla ngokuthiwa amaNgqina achith’ imizi. Kodwa yinyani leyo?

“Ngaba AmaNgqina KaYehova Achith’ Imizi Okanye Ayayakha?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)