Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 12

Yiba Nobubele Novelwano

Yiba Nobubele Novelwano

1 Tesalonika 2:7, 8

INTO OMELE UYENZE: Babonise abantu abakumameleyo ukuba ubakhathalele ibe ufuna ukubanceda.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Cinga ngabantu oza kuthetha nabo. Xa ulungiselela, cinga ngeemeko zabo. Cinga ukuba inoba baziva njani.

  • Wakhethe kakuhle amagama. Zama iindlela zokubahlaziya nokubathuthuzela abantu abakumameleyo. Kulumkele ukuthetha izinto eziza kubakhathaza, ibe ungathethi kakubi ngabantu abangakholwayo neenkolelo zabo.

  • Yiba nomdla ebantwini. Ukuze ubabonise abantu ukuba ubakhathalele thetha ngentlonipho. Uzigade izinto ozenza ngobuso, mhlawumbi ungahlala uncumile.