Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 5

Funda Kakuhle

Funda Kakuhle

1 Timoti 4:13

INTO OMELE UYENZE: Funda loo nto ibhaliweyo.

INDLELA YOKUYENZA LE NTO:

  • Lungiselela kakuhle. Cinga ukuba kutheni ibhaliwe loo nto. Ziqhelise ukufunda isivakalisi kunokufunda igama libe linye ngexesha. Sukufakela, utsibe okanye utshintshe amagama. Jonga zonke iziphumlisi.

  • Wabize kakuhle onke amagama. Ukuba kukho igama ongakwazi kulibiza kakuhle, libuze kumntu olaziyo, okanye ukuba loo ncwadi irekhodiwe yimamele.

  • Mawavakale kakuhle amagama. Wabize kakuhle amagama, uphakamise intloko, uze uvakale xa uthetha. Zimisele ukuba uvakale xa uthetha.