Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 107

Umzekelo KaThixo Wothando

Umzekelo KaThixo Wothando

(1 Yohane 4:19)

  1. 1. UThixo wethu usifundisile

    Uk’thanda abantu.

    Kwizinto zonke asenzela zona

    Unothando, unothando.

    Wasincamela izibulo lakhe

    Ngoku unako ukusixolela.

    Usithandile kakhulu uThixo.

    Uluthando, Ewe luthando.

  2. 2. Siyawathanda, amany’ amaKristu

    Abantu bakaYa.

    Siyabanceda siqhutywa luthando

    Abadala nabo batsha.

    Asicaluli, ibe asikhethi,

    Kuba sithanda bonke ebandleni.

    Xa bephazama soze sibagwebe

    Sibathanda njengoYehova.

  3. 3. Ukuthandana kwethu ebandleni

    Kusenza intsapho.

    Ngoku uThixo ufuna nabanye

    Balubone olu thando.

    Masibancede bavuye njengathi.

    Umoya wakhe uyasomeleza.

    NeLizwi lakhe lisenza sahluke.

    Uluthando uThixo wethu.