Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 90

Khuthazanani

Khuthazanani

(Hebhere 10:24, 25)

  1. 1. Ukuba siyakhuthazana

    Ekukhonzeni uThixo,

    Luyaqina ukholo lwethu,

    Yaye kubakho uxolo.

    Xa sikhuthazana ngothando,

    Kuba lula ukukhonza.

    Siziva sikhuselekile

    Ebandleni lamaKristu.

  2. 2. Kuthuthuzela ngokwenene

    Ukukhuthazwa ngumhlobo.

    Komeleza ukholo lwethu,

    Kukwasinika namandla.

    Ngoko masikhuthazaneni,

    Sisebenze ngomanyano.

    Khuthaza abatyhafileyo

    Nabasindwayo ngumthwalo.

  3. 3. Njengoko sele sikufuphi

    Isiphelo sehlabathi,

    Simele sihlanganisane,

    Ukuze sikhuthazane.

    Masimanyane enkonzweni

    Nabazalwana noodade,

    Sinamathele enkonzweni

    Sithembeke kuYehova.