Yiya kwinkcazelo

Kutheni AmaNgqina KaYehova Ezitshintshile Ezinye Zeenkolelo Zawo?

Kutheni AmaNgqina KaYehova Ezitshintshile Ezinye Zeenkolelo Zawo?

Zonke iinkolelo zethu bezisoloko zisekelwe eBhayibhileni, ngoko siye satshintsha iinkolelo zethu ngokuvumelana nendlela entsha esiziqonda ngayo iZibhalo. a

Olu tshintsho luhambisana nomgaqo weBhayibhile okwiMizekeliso 4:18 othi: “Umendo wamalungisa unjengokukhanya okuqaqambileyo okuya kukhanya ngokukhanya de kube semini emaqanda.” Kanye njengokukhanya kwemini okuya kuqaqamba, uThixo usenza siqonde inyaniso engcwele ngexesha lakhe elililo. (1 Petros 1:10-12) Njengoko iBhayibhile yaprofetayo, uye wabangela ukuba oku kwenzeke ngokukhawuleza ‘ngexesha lesiphelo.’​—Daniyeli 12:4.

Asimele sothuswe okanye siphazanyiswe kukutshintsha kwendlela ebesiziqonda ngayo izinto ngaphambili. Abakhonzi bakaThixo bamandulo nabo babeneembono nezinto ababefuna zenzeke, ekwakufuneka balungise indlela abaziqonda ngayo.

  • UMoses wathembisa ngokuba ngumhlanguli wesizwe samaSirayeli kwiminyaka engama-40 ngaphambi kwexesha likaThixo.​—IZenzo 7:23-25, 30, 35.

  • Abapostile abazange basiqonde isiprofeto esingokufa nokuvuswa kukaMesiya.​—Isaya 53:8-12; Mateyu 16:21-23.

  • Amanye amaKristu okuqala ayenembono engachananga ngokuba iza kuba nini “imini kaYehova.”​—2 Tesalonika 2:1, 2.

Ekuhambeni kwexesha, uThixo wayilungisa indlela abantu ababeziqonda ngayo izinto, ibe nathi sithandazela ukuba aqhubeke esenza okufanayo nakuthi.​—Yakobi 1:5.

a Asizami ukulufihla utshintsho kwindlela esiyiqonda ngayo iBhayibhile. Phofu, siyalurekhoda size silupapashe. Ngokomzekelo, funda indawo ethi “Beliefs Clarified” kwiWatchtower Laybrari Ekwi-Intanethi yesiNgesi.