Yiya kwinkcazelo

Ngaba Ndifanele Ndibe LiNgqina LikaYehova Xa Ndifunda IBhayibhile Kunye Nawo?

Ngaba Ndifanele Ndibe LiNgqina LikaYehova Xa Ndifunda IBhayibhile Kunye Nawo?

 Hayi, akunyanzelekanga ukuba ube liNgqina. Izigidi zabantu zifunda nathi iBhayibhile ibe azingomaNgqina. a Injongo yokufunda kukubonisa oko kufundiswa yiBhayibhile. Oko uza kukwenza ngoko ukufundayo kuxhomekeke kuwe. Siyazi ukuba umntu kufuneka azikhethele ukukhonza uThixo.​—Yoshuwa 24:15.

Ndingayisebenzisa eyam iBhayibhile xa sifunda?

 Ewe. Nangona sikuthanda ukusebenzisa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele, esinokukunika yona simahla, siyavuya naxa usebenzisa eyakho iBhayibhile. Ungafunda ngesigidimi sethemba nosindiso esiseBhayibhileni nakweyiphi na inguqulelo.

Kutheni lento nifunda nabantu abangengomaNgqina?

  •   Eyona nto kukuba sithanda uYehova uThixo, ofuna ukuba amaKristu afundise abanye abantu oko akufundileyo. (Mateyu 22:37, 38; 28:19, 20) Siyazi ukuba ayikho into enokuthelekiswa nento yokuba “singabasebenzi abangamadlelane kaThixo” abanceda abantu bafunde oko kufundiswa liLizwi lakhe.​—1 Korinte 3:​6-9.

  •   Enye into kukuba siyabathanda abamelwane bethu. (Mateyu 22:39) Siyavuya xa sixelela abanye ngezinto esizithandayo esizifundileyo.​—IZenzo 20:35.

a Ngo-2016, nyanga nganye kufundwe iBhayibhile nabantu 2022 ibe uninzi lwabo bekufundwa nabo beliqela ngexesha elinye. Kodwa ke 145 552 kuphela ababhaptizwayo njengamaNgqina KaYehova kuloo nyaka.