Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Alihlelo LaseMerika?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Alihlelo LaseMerika?

Ikomkhulu lethu liseUnited States. Noko ke, asilohlelo laseMerika ngenxa yezi zizathu zilandelayo:

  • Abanye abantu bathi ihlelo liqela eliqhekeke kwicawa ethile. AmaNgqina kaYehova akaqhekekanga ecaweni. Kunoko, sivakalelwa kukuba siye sabuyela kwindlela yamaKristu enkulungwane yokuqala.

  • AmaNgqina kaYehova ashumayela kumazwe angaphezu kwama-230. Kungakhathaliseki ukuba sihlala phi, simi kwicala likaYehova uThixo noYesu Kristu, kungekhona elikarhulumente waseUnited States naye nawuphi na omnye urhulumente.—Yohane 15:19; 17:15, 16.

  • Zonke iimfundiso zethu zisekelwe eBhayibhileni, kungekhona kwizinto ezabhalwa yinkokeli yonqulo yaseUnited States.—1 Tesalonika 2:13.

  • Silandela uYesu Kristu, hayi inkokeli engumntu.—Mateyu 23:8-10.